IKhala, uJulayi

Ziindidi zekhala ezikumakhulu amathathu namashumi amathandathu ezikhula kumhlaba welizwekazi laseAfrika ukunyanga, ukuhombisa nokukhusela indalo.

Le nyanga yathiywa ngamaXhosa ngokuba yinyanga yeKhala kuba ngeli xesha enyakeni ikhala lihombisa ilizwe ngobuhle balo logama likwaqhubeka ukunika impilo kuninzi.

Ngeli xesha enyakeni iKhala, liqhayisa ngobuhle balo kuba lizala iintyatyambo ezintle eziyimibala ngemibala.

Ubusika lixesha lokumbatsha kwendalo ngenxa yengqele, umoya nokunqongophala kwemvula. Kodwa ikhala liligcina ilizwe kanye ngeli xesha libukeka yiloo mibala yalo isabuorenji.

Ngaphandle kobuhle, iintyatyambo eziveliswa likhala zikwanencindi esetyenziswa ziinyosi ukwenza ubusi obuyimpilo eluntwini.

Ubusi yenye yencindi echazwe ukuba iliyeza eliphambili kwidabi lokulwa nesifo sekhorona exake ihlabathi.

Ikhala liyavela kuluhlu lwamachiza alwa izifo ezininzi eziquka iswekile, uxinzelelo lwegazi nezinye. Eli khala likhona kumachiza enza iziqholo zokuthambisa ubuso nomzimba, kwaye liyangqinwa ukuba lwenza luhle ulusu.

IMpuma Koloni lelinye lamaphondo ahonjiswe leli khala kwiindawo ezikude nolwandle, ezomileyo ngokwendalo yazo.

Kwezo ngxingongo ufumana amakhwenkwe ezonwabisa ngencindi yekhala ebizwa ngokuba yimvomvo, ethoba unxano logama esekwaluseni iimpahla zooyise.

Kunyango lwesintu saseAfrika, iKhala lidlala indima enkulu kuba liyafumaneka kwiindidi zeentelezi ezithile ezithi zisetyenziswe luluntu ngokwezindlu ezahlukeneyo.

Liyabalwa kumayeza adityaniswa xa kuhlanjwa umhlambi wezinja zilungiselela ingqina eliza kuya kuzingela.

NgokweKhalenda yaseAfrika, yinyanga yokugqityezelwa kwesivuno sibuyela ekhaya okanye sigalelwa ngeendawo zaso.

Ngokwesizwe samaXitsonga, kuthwa yiXikwenga iKhala, ngesiSotho kuthwa Lekgala, iilwimi ezininzi zilibiza ngokwahlukana.

AmaTshayina athi anobungqina bokuba ikhala liyasinyanga isifo somhlaza webele ngokusebenzisa incindi yekhala.

Uninzi lwezi ndidi zekhala ziluhlaza nangona zikho ke ezo zixube nemibala emnyama okanye emdaka.

Kudala ziphuma zingena iingcali zaseNtshona naseYuropu kweli loMzantsi Afrika zikhangela ngeendlela ezininzi inzuzo yempilo ethwelwe liKhala.

Umbhali weencwadi zesiXhosa owaziwayo noyinzalelwane yaseNtabozuko eBerlin, uSEK Mqhayi, wabhubha ngowama29 kule nyanga yeKhala ngo1945.

Owayesakuba nguMongameli weli ubawo uRholihlahla Mandela, yena wazalwa ngale nyanga yeKhala ngomhla weshumi elinesibhozo ngo1918.