Ikhale esimantshiyane inkondekazi ityholwa ngobugqwirha

Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane uyazikhalimela izenzo zokubulawa kabuhlungu kwamaxhegwazana kuba kusithiwa ayathakatha.

UMabuyane ukuthethe oku emva kwevidiyo ebisasazwa luluntu kunxibelelwano lomnatha ibonisa umakhulu onamashumi asibhozo anesithathu (83) engeniswa kurontawuli wakhe ovutha amadangatya omlilo ezakutshiswa.

Umakhulu kule vidiyo ebekhwaza ecela uxolo ekhala esithi: ‘Imani. ndizothetha ndizonixelela imani.yhoooo yhoooo.”

Oku kwenzeke ngeCawa kusasa kwindawo yakuMajuba eSterkspruit kumzi walo makhulu apho iqela lolutsha belunyanzelisa ukuba umakhulu athethe ukuba baphi abantu aba bhubhileyo ekuvakala ukuba bagcinwe nguye emzini wakhe.

Ukutshiswa kwakhe kulandela ingxelo ethi umzukulwana kamakhulu umpole kwindawo yentselo esithi udiniwe kukutyisa abantu abaswelekileyo abagcinwe ngumakhulu wakhe kowabo.

Ingxelo ithi oku kuko okuye kwavusa umnyele kulutsha lwelali lwangqala ngqo emzini walo makhulu.

Oncokole bucala nephephandaba I’solezwe LesiXhosa emva kokubona izimvo zoluntu malunga nale vidiyo, uthe kule lali bekusanda kubhubha abantu abane ngendlela engaqondakaliyo nalapho kuquka nosana.

UMabuyane uthe: “Andihambisani nazo izenzo ezinje zokubulawa kwabantu kuba betyatyekwa ngobugqwirha luluntu, ebekufanele ukuba luntu olo lunoxanduva lokukhusela kanye lamanina. Akukho namnye apha eMzantsi Afrika onalo ilungelo lokubulala omnye umntu. Ngoko sihlaba ikhwelo kuluntu lweMpuma Koloni ekubeni luyeke izenzo zolwaphulomthetho luyeke nokubulala abantu,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane ukwathumele umyalezo wovelwano kusapho lukamakhulu obuleweyo watsho esithi akunqwenelayo kukuba amapolisa ephondo enze umsebenzi wawo babanjwe abenzi bobubi kwaye batshutshiswe.

Amapolisa ephondo leMpuma Koloni athembisile ukuba lo umkhuba azakuwusiphula neengcambu zawo njengoko sele kuvulwe ityala lokubulala, lokutshisa nelokuxhaphaza. Amapolisa sele ebambe abarhanelwa abahlanu malunga netyala eli.

UBrigadeir Tembinkosi Kinana udize ukuba umzukulwana kamakhulu onamashumi amabini anesithathu(23) obehlala nomakhulu lo uthathiwe wabekwa kwindawo ekhuselekileyo kwaye uphantsi lokhuseleko lwamapolisa.

UKinana uthi umakhulu akabhubhanga ngokutshiswa ngumlilo koko unyanzelwe lulutsha ukuba afake intloko yakhe kumgqomo ogcwele ngamanzi de wabe uyabhubha.

UMkomishinala wamaPolisa ephondweni uNjengele Liziwe Ntshinga naye uzikhalimele ezi zenzo zokuxhatshazwa kwabantu abadala abangoomama nabatyholwa ngobugqwirha.

“Akekho namnye ekufanele ukuba abhubhe olu uhlobo lo makhulu abhubhe ngalo. Siliphondo oko asizokunyamezela kwaye singazukuncumela ukubulawa kwabantu bebulawelwa ubugqwirha. Umthetho kunye nomgaqo-siseko wethu kubandakanya namalungelo oluntu,” uvale ngelo uNtshinga.