Ikhaya labangcwabi lakhe ithala leencwadi eGcuwa

Ithala leencwadi

Isikolo samabanga aphantsi, eGcuwa, iCaley Junior Secondary School, ifumene inyhweba yokuphiwa ithala leencwadi eliyikhonteyina elixabisa imali engange R500,000 ngumzi wabangcwabi, uAVBOB.

Lo mzi wabangcwabi, unikezele ngalo lineencwadi ezingamawaka amathathu (3000), iitafile ezimbini kunye nezitulo.

Ngaphezulu kulo lineesolar system ezimbini eziphehla umbane ukuze kulayite ngaphakathi.

Ukubinza kukaAVBOB kwisikolo iCaley J.S.S , kulandela isithembiso kwiSebe leMfundo esiSiseko sokuba liza kuncedisa izikolo ezingathathi ntweni emaphandleni.

Ingqonyela kwaAVBOB, uFrik Rademan, uthe banenkqubo yokunikezela ngamathala eencwadi kwizikolo ezingathathi ntweni.

“Kule nkqubo yethu sinikezele ngamathala eencwadi kwizikolo ezisokolayo ezisemaphandleni,” kutsho uRademan.

Kangangokuba uthi sele benikezele ngamathala eencwadi angamashumi amahlanu anesithathu kwizikolo zeli.

Kukwalindeleke ukuba anikezele ngasixhenxe ashiyekileyo njengoko babethembise isebe ngokuba baza kubinza ngamathala angamashumi amathandathu.

Inqununu yesikolo, uMalibongwe Masekwana, uthe ithala leencwadi abaliphiweyo liza kuncedisa ukulola abafundi kumakhuphiswano weengxongxo-mpikiswano asindlekwa lisebe.

“Abafundi baza kuphanda ulwazi kweli thala leencwadi kwaye baza kuchubeka nangakumbi,” kutsho uMasekwana.

Abahlali belokishi yaseKhaladi apho isikolo sizinze khona kunye nabafundi bebefudula besebenzisa ithala leencwadi elisedolophini eGcuwa, kwaye lo nto ibibatyabula imali.

Umfundi wakwaGrade 9, uOyama Sojanga, uthe abanakuphinde basokole xa besenza umsebenzi wabo wesikolo kwaye unethemba lokuba ithala leencwadi liza kuba neziphumo ezihle kwizifundo zabo ekupheleni konyaka.

Kangangokuba uOyama uthe baza kulisebenzisa ngobunono kwaye baligcine kakuhle ukuze lisetyenziswe nangabanye abantwana abaza kulandela.

USodolophu waseMnquma, uSithembiso Ncetezo, ubulele kuAVBOB kwaye wamemelela namanye amashishini axhase imfundo.