Ikhaya leenkedama lilizwe ngezidingo zabantwana

IANC kuMasipala weO.R. Tambo inikele ngamanapkeni kwiinkedama eziseMthatha. Iqela elikhokhelwe lilungu lepalamente uVatiswa Bam-Mugwanya ligaleleke kwiziko eligcina abantwana abangenabazali eKanyisa Children’s Village, ngoMvulo we19 kule imiyo ngeenjongo zokubuka umsebenzi oncomekayo owenziwa leli ziko ekuphuculeni intlalo yabo bangenako ukuzenzela.

Eli ziko lasekwa ngonyaka wama2009 ngeenjongo zokukhathalela abantwana abalahlelwe ngaphandle kunye nabo baphathwa gadalala zizihlobo nezalamane.

Umseki walo uShebatian Vattakunnel nokwayinqununu eKanyisa High School uthi wayendwendwele ikhaya lomnye wabasebenzi bakhe kwilali yakwaLindile wabona inina elilele emondlalweni ngenxa kagawulayo, lincancisa usana kwimo yococeko engaginyisi mathe. Wagqiba ekubeni avule ikhaya eliza kuhlangula izigidi zabanye abantwana abaphila phantsi kwezi meko. Kungoku nje eli khaya linabantwana abangama38, abangaphantsi kweminyaka emithandathu.

Xa befikelele kwiminyaka emithandathu aba bantwana bathathwa basiwe kwindawo ezenza umsebenzi wokugcina ezifana neSOS Children’s Home ethatha abantwana abaqabukileyo ngeminyaka nekude kufuphi neli ziko. Nangona abanye baye bathathwe ngabazali abadinga abantwana, eli khaya lithi libangcathu ekuvumeleni oku, kuba kukho amazim noodyakalashe ababathathela iinjongo zenkohlakalo abantwana.

Iqela leANC likwanikele ngezinto zokudlala nokutya kwaba bantwana. UShebastin Maria ongumongi oyintloko kweli ziko, uthe imali abayifumana kwiSebe loPhuhliso ingama200 000 unyaka wonke, ilungiselelwe ukubhatala abasebenzi, ukutyisa abantwana nokubanxibisa, wagxininisa ukuba kungoko beludinga uncedo lwamaqumrhu ohlukeneyo nabantu abazimeleyo.

OkaMugwanya uthi imali abayisebenzisileyo isondele kuma20 000 kwaye ikhutshwe ngundlunkulu ukuze incedise abantu balo masipala. Uthi uxelelwe yintombi yakhe ngeli ziko, eyayikwibhunga lalo masipala kwiminyaka edlulileyo, waze wathatha isigqibo sokufaka isandla ngeenjongo zokukhuthaza inkqubelaphambili yeentshukumo ezikumila kunje.

Ukunduluka kwabo kweli ziko basingise kwaDosi kwilali yaseCicirha nalapho banikele ngobuxhakaxhaka bokuhlamba iimoto kukopolotyeni ogama linguSinengomso Mandela.

Eli qela lidize ukuba kusekho inkitha yamanye amaphulo alolu hlobo asendleleni.