Ikhorona nolwaluko

Indlu yeeNkosi eMpuma Koloni ikuqinisekisile ukuba uthethwano sele luhambele phambili kwiinzame zokuba babuyele eSuthwini oonyana kulwaluko lwasehlotyeni.

Akwaba sonke besinokwamkela ukuba eli siko libuya phantsi kweemeko ezingaqhelekanga, phantsi kweemeko ezitshintshileyo.

Oku kwenzeka logama iMpuma Koloni ibisemi ijijisana namanani angavumi kuhla wabantwana ababhubha eSuthwini. Kumele samkele iinguqu, imithetho, nemigqaliselo eza kuxelwa ngamagosa karhulumente malunga nolwaluko.

Kaloku xa uthetha ngezindlu zabakhwetha, uthetha ngendlu encinci kakhulu ekuye kunyanzeleke ukuba abantu basondelelane, bekhohlela, bethimla besenza zonke ezo zinto.

Isixhobo sokuqala kweli dabi iya kuba isizwe esi samkele ukuba isifo seKhorona sisekho, ukuze ngenxa yoko wonke ubani asebenzele ukuzikhusela, ekhusela nabanye.

Kumanani abantwana ababhubhele eSuthwini bezikho iziganeko zabantwana abaneengxaki zokuphefumla ngenxa yezigulo zabo.

Kufuneka ukuba kuvulwe ingxoxo ngokukhawuleza malunga nomyinge wendlu ekuza kwaluselwa kuyo, inani labantu kwindlu nganye nezinye iindlela zokuqinisekisa ucoceko nokhuseleko.

IiNkosi, ooSibonda nooSibondana kuza kunyanzeleka ukuba baphume ezindlini besiya kuxoxa, befundisa, belumkisa uluntu.

Amakhaya neekomiti zoomasipala ezisebenza ngesiko lolwaluko mazixhotyiswe zilungiselelwe ukuba zijikeleze ukufundisa ngemigqaliselo emitsha eza kusetyenziswa eSuthwini.

Nangona ingekadizwa indlela entsha eliza kuhamba ngayo isiko lolwaluko ku2020, kodwa sonke siyazazi iingxaki esijongene nazo ngenxa yesifo seKhorona. Iinzame ekukudala zisenziwa ngurhulumente zokuhambela izindlu zabakhwetha kumele ukuba ziqale ngoku, kuhanjelwe iinqila zeeNkosi kuthethwa nabahlali.

Ukubonakalisa amandla nolawulo lukarhulumente kulo mcimbi kumele ukuba kubekho umhla wokuqala kolwaluko nomhla wokuvalwa.

Ukuba kuthwa ngumhla wokuqala kweyoMnga, wonke ubani aqale ngalo mhla, nezinye ke iintsuku ezilandelayo, kuze kubekwe nomhla wokugqibela. Intsebenziswano yamasebe karhulumente iza kubaluleka ngamandla kwesi isihlandlo, isebe lezeMpilo kumele ukuba linyuse umgangatho.

Abantu abathanda ukuhlala eSuthwini nabakhwetha ngabantu abangathandi kulawulwa, abenza intando yabo bebeka ubomi babantu esichengeni. Xa kusekho abantu abosulelwa yiKhorona ngoku kuphela inyanga yoMsintsi, lo nto ithetha ukuba ngenyanga yoMnga siza kuba sisenazo iingxaki ezihambelana neKhorona.

Esi sicwangciso singolwaluko lwasehlotyeni kumele ukuba sithethe kucace ngendlela yokusetyenziswa kotywala eSuthwini. Iimbono zokuba makwenziwe iziko elinye elikhulu lokwalusela lingalihle ukuze kujongwe zonke iingxaki ngaxeshanye kwindawo enye, kodwa ngenxa yesifo seKhorona amanani aphezulu wabantu abangazaniyo iimeko zabo zempilo kungabanga ingxaki.

Khumbula besiqhwabe izandla sonke xa urhulumente ebesithi makungaluswa ebusika, masimxhase ke nangoku boluswe ngempumelelo abantwana.