Ikhritshi iphuculwe ngesigidi seerandi

OONOMNGQUSHWANA baseThornhill kuMasipala waseKouga ngoku bafundela kwisakhiwo esikumgangatho oncomekayo emva kokuphuculwa kweMkhuseli Koliti Crèche ngemali ephantse ifikelele kwisigidi seerandi (R1 million).

Esi sakhiwo sitsha ngoku siyakwazi ukwamkela abantwana abathe xhaxhe abafunda uGrade RR, sibalungiselela ekuyeni kuGrade R kunyaka olandelayo. Lo msebenzi uxhaswe ngemali yiFama yoPhehlo-mbane ngoMoya yaseJeffreys Bay (Jeffreys Bay Wind Farm.

Inqununu uEmmerentia Potgieter ngethuba lomsitho wokuvulwa ngokusesikweni kwakhona kweMkhuseli Koliti Crèche UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Izinto ezilungiswe kule khritshi sisakhiwo sethutyana (prefab), ukufakelwa kombane, ukufakelwa kwemibhobho yamanzi, ukwakhiwa kweofisi, ukupeyinta ngaphakathi nangaphandle, ukwakhiwa kwegumbi lokugcina izixhobo, ukuphulwa kwekhitshi, izindlu zangasese kwanecingo lokhuseleko eliluqilima.

Le khritshi ayiphelelanga nje ekuxhasweni ngezixhobo yile Fama yoPhehlo-mbane ngoMoya, koko nasekuxhaseni abafundisintsapho ukuba bafumane uqeqesho olusemgangathweni. Inqununu yale khritshi, uEmmerentia Potgieter, ekunye nabafundisintsapho uClaudine Hendricks noLungiswa Futha, bathe bayinxalenye nolu qeqesho.

“Esi sakhiwo sitsha sikwazile ukuxandisa ububanzi (bale khritshi) malunga namashumi amahlanu ekhulwini (50%), into ethetha ukuba abantwana abaninzi baseThornhill baza kufikelela kwimfundo esemgangathweni nephuculweyo,” kutsho uHlengiwe Radebe, onguMlawuli woPhuhliso lwezoQoqosho kwiFama yoPhehlo-mbane ngoMoya yaseJeffreys Bay.

Esi sakhiwo sinomthamo wokuthwala abantwana abalikhulu, kodwa ngenxa yemiqathango yeCovid-19, okwangoku sisathwala abantwana abangamashumi asixhenxe.