Ikhubeke yawa iNFP

Ndiyangqinelana nesigwebo seNkundla yoLonyulo esithi ukwehluleka kweNational Freedom Party ukuzigqatsa kulwenyulo loorhulumente bomasipala olungomhla we-3 kuAgasti kuziziphumo zokungathobeli imiqathango yoMthetho woLonyulo. Asinto ekungagxekwa ngayo iKhomishini yoLonyulo.

Inkudla isikhabile isicelo salo mbutho sokokuba wenzelwe idolo emva kokusilela ukuhlawula imali eqingqiweyo ngomhla omiselweyo ehambisana nokwamkeleka koluhlu lwamalungu awo kwizithili ezahlukeneyo adweliselwe ukuba avotelwe abe ngooceba. Umthetho uchaza ngokucacileyo ukuba akukho qela lezopolitiko okanye mntu unokuzigqatsela ulwenyulo ngaphandle kokuhlawula le mali.

Ukuququzelelwa kolonyulo olukhululekileyo nolungenakwenzelelela kulawulwa ngumthetho, yaye iKhomishini yoLwenyulo inikwe amandla ngumthetho okubeka imiqathango ehambelana nomsebenzi wayo. Omnye wale miqathango kukumisela inkqubo enamaxesha aqingqiweyo eyaziwa nge election timetable nekuthe kwesi sihlandlo yapapashwa ngomhla we16 kuMeyi . Le nkqubo, nebalulwa ngaphezu kwezihlandlo ezilithoba kuMthetho woLonyulo looMasipala, igunyazisa ukuba uluhlu lwabazigqatsela ulwenyulo kunye nemali ehambelana nalo ziphelele ngomhla we2 kuJuni.

Ngaphambi ko2006 umthetho wawugunyazisa ukuhlawulwa ngohlobo lwetshekhi ngaxesha-nye xa kungeniswa amagama abagqatswa. Kodwa kwatshintsha oko emva kwesivumelwano sango 2006 phakathi kweKhomishini yoLwenyulo kunye namaqela ezopolitiko ngokuthi kuvunyelwe uhlobo lokuhlawulwa kwesixa-mali ngqo kwi akhawunti yebhanki yekhomishisni egameni labagqatswa bonke abakuluhlu leqela lezopolitiko ngalinye. Ukusebanza kwale nkqubo kucaciswa minyaka le phambi kolwenyulo ezintlanganisweni zeKhomishini namaqela ezopolitiko.

Kwakhona, zininzi izicwangciso zamalungiselelo olonyulo ezisekelezelwe kule nkqubo inamaxesha aqingqiweyo neziquka ukushicilelwa kwamaphepha asetyenziswa xa kuvotwa awaneleyo naneenkcukacha ezichanekileyo. Ngenxa yobungakanani balo msebenzi wokuququzelela ulwenyulo, kunyanzelekile ukuba wonke ubani obandakanyekayo athobele umthetho nemiqathango emiselweyo.

Kungoko kungalindelekanga ukuba iKhomishini ikhumbuze amaqela ezopolitiko onke amaxesha ngokubaluleka kokuthobela umthetho nemigaqo. Umzekelo, nangona ugunyazisa ukuba iwakhumbuze iphinde ithundeze xa abagqatswa bengagcwalisanga ngokupheleleyo nangokuchanekileyo iinkcukacha zabo kumaxwebhu okungenela ulwenyulo, akukho xanduva lokwenza oko malunga nokuhlawulwa kwemali ngaphambi kokuphela kwexesha elimisiweyo. Kusemagxeni eqela ngalinye ukuqinisekisa oko.

Kulapho kubonakala khona ukubaluleka kokusebenzisana kwabo bonke ababandakanyekayo kulonyulo ngalunye kuba kaloku iKhomishini yoLonyulo inoxanduva lokulungiselela bonke abazigqatsela ulwenyulo ngohlobo olungenamkhethe. Xa kungenjalo isidima nokukhululeka kolonyulo singawela phantsi singcoliseke.

Ngohlobo olufanayo naxa abavoti kulindeleke ukuba bathwale uxanduva lokubanezazisi, ukubhalisela ukuvota kwiindawo abahlala kuzo, ukuyokuvota ngosuku olubekiweyo; kukwalindeleke ngokufanayo kwabazigqatsela ulwenyulo ukuba bathobele umthetho nenkqubo enamaxesha aqingqiweyo. Ngohlobo olufanayo naxa kungenakulindeleka ukuba abavoti bayokuvota naphi na apho bathanda khona bephethe naluphina uhlobo lwesazisi abaluthandayo, akulindelekanga ukuba abazigqatsela ulwenyulo benze unothanda ngohlobo abazibandakanya ngayo nolwenyulo.

Inkqubo enamaxesha aqingqiweyo yiKhomishini zisengaba zezinyanzelisa inkxamleko enkulu kodwa konke oku kukho ngezizathu zokuqinisekisa ulwenyulo olukhululekileyo nolungenamkhethe. Xa oku kungalandelwa kusengakhokelela ekubhidaneni kwebhobhile nokungakhokelela ekubeni lilize kwelungelo lethu sonke lokuvota.

Lilonke ke isicelo seNFP sokuba yenzelwe idolo bekufanele sikhatywe yinkundla, njengoko kukhe kwanjalo nakwiAfrican Christian Democratic Party ngo2006 kunye ne-Inkatha Freedom Party ngo2011.

Ukukhatywa kwaso kuphendula umbuzo othi: ingaba iKhomishini inawo na umhlaba wokwenza idolo ngokwamkela ukuhlawulwa kwemali emva kwexesha elimiselweyo? Impendulo yelandulayo njengoko ukwenziwa kwedolo kungehlisa isithunzi solwenyulo ngokuvumela ukubanomkhethe kuhlobo iKhomishini esebenzisana ngalo nabazigqatsele ulwenyulo. IsiNtu sithi: ukufa kwamajoni kukwanda kwezikhali.

Abalandeli beNFP sebeyakuzifumanela abanye amababavotele kolu lonyulo. Oko kube yinzuzo kwamanye amaqela ezopolitiko.