OOSOMASHISHINI
bayamenywa ukuba bafake amangenelo kumawonga ezoshishino (South African Premier
Business Awards) ungaphelanga umhla wamashumi amathathu kweyoMsintsi.
Amangenelo kula
mawonga angafakwa kumabakala aliqela aquka ezobuchwepheshe, ezokuxonkxa
(manufacturing) kwanamakhosikazi akwezoshishino. La mawonga azakuba
kwityeli lesine kulo nyaka.
Abaququzeleli bawo lisebe lorhwebo noshishino
(dti), Brand South
kukukhuthaza ukugqwesa kwezoshishino, ukudalwa kwemisebenzi kwanoshishino
olukumgangatho oncomekayo.
Ethetha ngala
mawonga, uMphathiswa wesebe lezorhwebo noshishino uGqirha Rob Davies uthe: “La
mawonga ngawokubulela igalelo lokukhuliswa koqoqosho elenziwa ngabezoshishino
kweli lizwe.”
Ingqonyela
yakwaBrand
Africa
ekubeni athabathe inxaxheba kukhuphiswano loqoqosho lwehlabathi.
“La mawonga
akwabonisa intsebenziswano ephakathi kwabezoshishino norhululumente ekubumbeni
imbonakalo yoMzantsi Afrika,” kutsho uMakhubela.
Obambele
njengengqonyela kwaProudly South African uEustace Mashimbye uthe: “Ukubanjwa
kwala mawonga kusenza sifumane ithuba lokuthumela umyalezo wokuba ukuthenga
iimveliso ezenziwe eMzantsi Afrika kwenza ukuba amathuba engqesho azinze, maxa
wambi akhule.”
Iinkcukacha malunga
nala mawonga ziyafumaneka ku: www.sapremierbusinessawards.
843 384.
IMasimanyane ikhuthaza ibhola ekhatywayo kumantombazana ngeenzame zokulwa iGBV