Sisandula ukuqhwabela izandla indlela ekukhawulezwe ngayo ukuqosheliswa kwetyala lokubulawa kukaUyinene Mrwetyana, ngoku sikhwankqiswa zindaba ezibuhlungu zokudlwengulwa kwenkosikazi enguMfundisi eMthatha.
Inyathelo elithathwe nguMfundisi Thoko Tshangela lelobugorha – ukhethe ukuthetha ngokuphandle ngento emehleleyo. Oku kuza kunika nabanye isibindi sokuthetha ngokuphandle ngezenzo ezikumila kunje. Sithemba ukuba amapolisa aza kwenza uphando olunempumelelo ukuze lo mguvela wenze oku aphoswe kwesimnyama isisele.
Esi sihelegu senzeka kanye xa ilizwe linxakama lingenelela kwiphulo neentshukumo ezichasene nobundlobongela ngokunxamnye nabafazi nabantwana. Iqondo lokubulawa nokwedlungulwa kwabafazi nabantwana liyenyuka, kwaye mihla le siva iingxelo zeziganeko ezimasikizi.
Ebhala kwileta yakhe yeveki, uMongameli Cyril Ramaphosa, uvakalise ingqumbo, ezigxeka kakhulu izehlo ezinje, watsho ehlaba ikhwelo elithi “Kwanele! Kwanele!”.
Ubachaze njengamatyutyusi amagwala abo bathi badlwengule abafazi, iintwazana namakhwenkwe, watsho ebongoza umntu ngamnye ukuba athathe inxaxheba ekunqandeni nasekulweni lo mkhuba.
Kunyakamali ka2018/19, bangama2 771 abafazi abathe babulawa , logama ingama33 125 abathe badlwengulwa, ukanti zingama6 852 iintwazana, abe ngama543 amakhwenkwana athe adlwengulwa.
Kwiimeko ezininzi apho abantu abangoomama bathi bangcungcuthekiswe ngamadoda abo okanye abantu abaqhelene nabo, beqhutywa luloyiko neentloni baye bakhethe ukuthula, ngaloo ndlela bebakhusela ekubanjweni. Oku kuthetha ukuba eli dabi alikazi kufezwa, siyakuhlala sikhwankqiswa xa kuhlaselwa amalungelo abantwana nabafazi.
Iinkosi, iinkokheli zokuhlala nezeenkonzo kumele zidlale indima enkulu ekuncedisaneni norhulumente kulo mlo. Ukanti nezingqi zoluntu zongeza ifuthe njengoko sibonile kwityala likaUyinene elisonjululwe ngexeshana elingephi.
Ibanjiwe indoda etshayise imoto ebikhwele uZuma