Ikhwelo lokucinywa kwabo banamatyala eWSU

Umfanekiso oselugcinweni kasihlalo weNSFAS uSizwe Nxasana

IYunivesithi iWalter Sisulu (WSU) ibhengeze ukuba ingxowa-mali yabafundi
(NSFAS) iyikhuphile imali yokunceda ukuqubisana namatyala enziwe ngabafundi
ababemkelwe nguNSFAS phakathi ko2013 ukuya ku2015. 

 “Ukuba ungomnye okanye wawungomnye wabo bafundi basenamatyala ukusukela
ngo2013 ukuya ku2015 apha eWSU, ungangomnye wabacinyelwa amatyala nguNSFAS.
Abafundi abaphumelela izifundo zabo bangatshintshelwa imali-mboleko yabo ibe
yibhasari ngokwemigaqo kaNSFAS,” itshilo le yunivesithi kwingxelo
eyikhuphileyo.

 Abafundi ababemkelwe nguNSFAS ngeli xesha likhankanyiweyo
bangaqhagamshelana neWSU kule nombolo 043 708 5485 ukuqinisekisa
ngeenkcukacha zakho ukuze inkqubo yokucinywa kwetyala lakho iqhubeke.

“Usuku lokuvalwa kwale nyoba yokucinywa kwamatyala ngumhla wama-30 kule
nyanga. Uyakuhlala unetyala ukuba awulisebenzisi eli thuba livezwe nguNSFAS,”
ngokokutsho kweWSU.