NgoMgqibelo umhla we12 kweyeNkanga, inkwenkwana eneminyaka esibhozo ubudala yaseBloemfontein yaqwengwa yabhubha yipitbull ngelixa yayidlala yodwa. NgokweSithethi samaPolisa uThabo Covane, le pitbull, ekuvakala ukuba yeyommelwane, yatsiba ucingo yangqala ngqo kule nkwenkwana, iyiluma intamo nesifuba.
UOlebogeng Mosime ebefunda ibanga lesithathu kwisikolo samabanga aphantsi iRoseview eBloemfontein. Xa abeNkonzo kaXakeka befika kwindawo yexhwayelo emva kokufumana umnxeba malunga nomntu ohlaselwe yinja, bafumanise ukuba le nkwenkwana ibhubhile kwaye ipitbull igcwele igazi.
Le nja yadutyulwa yaza kamva yafa ngenxa yamanxeba okudutyulwa. Umbutho iSPCA yaseBloemfontein ikhuphe izinja ezimbini kule ndawo kwaye ucele uluntu ukuba lunikezele naziphina izinja ezinokubeka isoyikiso eluntwini.
Linyukile inani labantu abahlaselwa zizinja eMzantsi Afrika ngokuhamba kwexesha. Iingxelo zithi uMzantsi Afrika unelona nani liphezulu labantu abahlaselwa zizinja kwihlabathi jikelele.
Emva kokubhubha komntwana oneminyaka elishumi ubudala uStorm Nuku waseGqeberha, iSizwe Kupelo Foundation isungule uxwebhu lwezikhalazo zokungavunyelwa iipitbull ukuba zibe zizilwanyana zasekhaya kwinyanga ephelileyo. Olu xwebhu lwezikhalazo lufumene imityikityo engaphezulu kwama70 000 kwi-intanethi.
“Lixesha lokuba urhulumente woMzantsi Afrika athabathe amanyathelo angqongqo aze abeke isithintelo esipheleleyo sokuba iipitbull zibe zizilwanyana zasekhaya.
“Inyathelo elinjalo beliya kuthintela uhlaselo olongezelelekileyo nokufa okungeyomfuneko. Asinakuqhubeka sithumela imiyalezo yovelwano ngento enokuthintelwa ngokulula.”
I-NSPCA ivakalise esidlangalaleni ukuba iyalixhasa ikhwelo lokunqanda ezi zinja ziyingozi.
Abantu bajonge kurhulumente ngezisombululo nanjengoko abantu abahlaselwa zizinja besiya bexhaphaka kweli lizwe. Uluntu lusahlukene phakathi ngalo mba, abanye betyhola abanini bezinja. Abanye kwelinye icala bafuna ezi zinja zalelwe ngokupheleleyo.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10