IKing Hintsa izakuqeqesha abafundi kumbane ohlaziyekileyo

Inqununu yaseKing Hintsa uNoluthando Balfour ethetha eGcuwa: UMFANEKISO: FACEBOOK

IKHOLEJI iKing Hintsa izakuqala ukuqeqesha
abafundi kwicandelo lobuchwepheshe bombane ohlaziyekileyo (Renewable Energy
Technology) ukusukela kunyaka ozayo.

Oku kubhengezwe yinqununu yale kholeji
uNoluthando Balfour kwindibano yolutsha yezoqoqosho nodalo-misebenzi
ebibanjelwe eMsobomvu eGcuwa ngoLwesihlanu.

UBalfour ubongoze ulutsha laseMnquma ukuba
luzibandakanye nolu qeqesho “ukuze bafumane izakhono zokunceda uMzantsi Afrika
uqubisane nemiceli-mngeni yonikezo lombane”.

IKing Hintsa ikwatyikitye isivumelwano
seminyaka emihlanu nomasipala waseMnquma ukunceda ngezakhono ulutsha ngolwazi
lokuqala amashishini alo. IKing Hintsa ineziza eGcuwa kuCentane naseDutywa.

Ichule kwimiba yezoshishino uAndile Ntingi
nguye obemenywe ukwenza intetho ethe qabavu kulo msitho. UNtingi yinzalelwane
yaseMchubakazi eGcuwa kwaye usebenze ixesha elide njengentatheli yemiba
yezoqoqosho nezimali eCity Press. Ngoku yingqonyela kwinkampani awayisekayo
iGetbiz (ecebisa ngemiba yezoshishino).