Emva kokuthiwa mbende lilishwa lokuphulukana nemidlalo, izolo iThe Kings ibuye ilume ongezantsi ngethuba isongamela iWaratahs ngo’26-24 kumdlalo weSuper
Kodwa ithe iphela imizuzu engamashumi amabini kwisiqingatha sokuqala yabe iWaratahs iyiva iKings. Eli qela loMzantsi Afrika lilo ebelilawula ibhola kunye nomdlalo – kodwa izinto zonakelwe xa umdlali wasephikweni, uTaqele Naiyaravoro ebeka emgceni ibhola enika iWaratahs amanqaku okuqala emdlalweni. Kwangoko iWaratahs ihambe phambili ngo’12-0 emva kokuba uRob Home ongeze amanqaku. Khange kubekudala kodwa wayitshintsha lo nto uJustin Forwood ngokulala emgceni. Wongeze amanye amanqaku weKings, uMasixole Banda, emva kokulala emgceni kwathi cwaka.
Abafake amanqaku macala omabini:
Waratahs 24 (17): Tries: Taqele Naiyaravoro (2), Rob Horne, Cameron Clark. Conversions: Bernard Foley (2).
Kings 26 (7): Tries: Justin Forwood, Masixole Banda, Michael Willemse, penalty try. Conversions: Lionel Cronjé (2).
Ayivule ngendlela encumisayo Amakhosi isizini yeBetway Premiership!