Ikomishoni ekhusela iinkolo ijikeleza iMpuma Koloni

Kuqhutywe uvavanyo zimvo okukuqala malunga nengxaki yokubhubha kwabakhwetha eMpuma Koloni kwingingqi yasemaMpondweni.

Oku kwenziwa yikomishini ekhusela, iphakamisa amalungelo wamasiko, iilwimi nezithethe zoMzantsi Afrika (CRL).

Ekuqaleni kwenyanga ephelileyo, usihlalo wale komishini uThoko Mkwanazi- Xaluva uthe bavunyelwa ngumgaqo siseko ukuba benze lo msebenzi.

“Xa kukho neliphi isiko elibeka impilo zabantu esichengeni sinoxanduva lokuba siqinisekise ukuba kwenziwa uphando ukuze kuthathwe izigqibo,” wathetha watsho uXaluva.

Iphondo leMpuma Koloni lisoloko libaleka phambili kumanani wabakhwetha abathi babhubhe kwisizini nganye esuthwini.

Ngenyanga yeSilimela kunyaka ophelileyo, ngabakhwetha abakumashumi amabini anesixhenxe ababhubhe eMpuma Koloni kuphela.

Olu vavanyo zimvo luqale eMbizana lagqithela eLusikisiki naseLibode ngeentsuku ezilandelanayo.

“Injongo yethu kukumamela kuye wonke umntu ochaphazelekayo ukuze kuthathwe izigqibo ezizizo ngesiko, abazali ababhujelwa ngabantwana esuthwini ngabanye kwabo bazakuthi bafumane ithuba,” utsho uXaluva.

Amapolisa, iiNkosi, National House of Traditional Leaders, isebe lentlalontle kunye namaxhoba ale ntlekele alindelekile kwezimvavanyo zimvo.

Othethe egameni lala komishoni uMpiyakhe Mkholo, uthi olu phando luza kugxila kwimicimbi ecacileyo.

Ukubhubha kwabakhwetha, ukwaluswa gwenxa kwabakhwetha, ukususwa kobudoda, ukwenzakaliswa kwabo nendlela egwenxa ezisebenza ngayo iingcibi – kulapho luza kugxila khona uphando,” uthethe watsho uMkholo.

Kokokuqala ukuba kunikwe uluntu ithuba lokuthetha phandle ngengxaki zokubhubha kwabantwana babo esuthwini, ukusukela oko yaqalayo ingxaki yokubhubha kwabakhwetha. Osisithethi sesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli uMamkeli Ngam, uthi bayakwamkela oku.

“Nolunjani uncedo oluvela kurhulumente kazwelonke olujoliswe ukusincedisa lukwamkelekile kuthi. Ngokwengxelo, izimvo zoluntu ezifumaneke kwezinkqubo zizakuxhobisa lakomishini ukuba ithathe izigqibo.