Ikomiti esebenza ngamapolisa epalamente eKapa ityelele eBhayi

Ikomiti
ejongene nemicimbi yamapolisa kwipalamente kazwelonke eKapa izakutyelela
ingingqi yase Bhayi eMpuma Koloni ukusukela namhlanje. Ingxelo yalakomiti ithi
benza oku ngenjongo zokuqinisa umsebenzi wokukhuselwa kwabantu belizwe
loMzantsi Afrika. Usihlalo walekomiti uFranscios Bueakman uthi injongo
yalekomiti kukukhangela inkqubela esele yenzekile ukuphucula kumalinge
okukhusela uluntu.

 “Ukhuselo
labantu boMzantsi Afrika lubaluleke kakhulu,ngoko ke kumele ukuba senze konke
esinako ukuqinisekisa ukuba abantu bakhuselekile,”uthethe watsho uBueakman.
Eligqiza kulindeleke ukuba liqale kwisikhululo samapolisa sase Gelvandale,
ukuze kusasa ngoLwesine baye kuvela kwisikhululo samapolisa sase New Brighton.
Bazakugqibezela utyelelo labo kwisikhululo samapolisa saKwazakhele, kwezi
zikhululo zonke le komiti kulindeleke ukuba idibane nabaphathi bamapolisa.
Ukanti kukwakho igqiza elisuka kwiyunivesithi yase Nelson Mandela
Bay
elizakunika eyalo
ingxelo kulekomiti malunga nolaphulo mthetho lase Bhayi.