Ikomkhulu lakwaMakaula liphumelele kwidabi lalo lokubanga ubukhosi

Liyabhiyoza livuya ikomkhulu lamaBhaca kubukhosi bakwa Makaula eMount Frere emva kokuphumelela idabi lenkundla elithathe iminyaka emithandathu ukusukela ngo 2010.

Iingxaki zela komkhulu ziqale emva kokuba kukhothame uNkosi Mvumeni Makaula ngonyaka ka2010, eshiya ngasemva inkosikazi yakhe uNokhwezi Makaula nonyana wakhe ongekakulungeli ukuthatha isikhundla sikayise uGingqi Dalubuhle Makaula.

Usapho lakwaMakaula lahlukana kubini ngoyena mntu uzakubambela le Nkosi emva kokukhothama kwayo,iqela elizibiza ngokuba yiNcaphayi Madzikane Royal Family lingavumi ukuba uNokhwezi abambele unyana wakhe osakhulayo.

Othethe egameni lekomkhulu uMichael Mabuya uthi. “Aba bantu basibambisa enkundleni ephakamileyo eMthatha besithi akukho mthethweni ukuba uNokhwezi agcine esi sikhundla egameni lonyana wakhe, inkundla ngoko yagwebela ngakwicala labo,” utshilo uMakaula.

Igqiza leKomkhulu kwindlu yakwaMngcisane labhena kwesi sigqibo kwinkundla yezibheno eBloemfontein nekuthe emva koko ityala labuyela kwinkundla ephakamileyo eMthatha.

“Emva kokubhena kwinkundla yezibheno eBloemfontein, isibheno sethu saphumelela, lo nto yenza ukuba ityala libuyele enkundleni ephakamileyo yaseMthatha yona yagwebela ngakwicala lethu,” utshilo Mabuya.

Ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kwinyanga ephelileyo, la nkundla yagunyazisa ukuba uNokhwezi anikwe igunya lakhe nje- ngebambela lo gama unyana wakhe asakhulayo.

Ingxelo ithi, uGingqi Dalubuhle Makaula usese- sikolweni ezilungiselela ukungena kwesi sikhundla xa kufike ixesha.

“Aba bantu benza le nto besithi bayindlu enkulu yekomkhulu lakwaBhaca, kodwa ke inkundla igqibile akukho mbuzo ngoku sonke sicacelwe yile nto ithethwe yinkundla,”utshilo

Le nkosikazi inegunya kwiinqila zobukhosi bama- Bhaca ezingamashumi amabini anesixhenxe.

“Ebehleli ewenza kakade umsebenzi wakhe wokukhokela isizwe samaBhaca ka- Makaula, ngoko ke akukho nto izakutshintsha, thina sizakumxhasa njengokuba besenzile ngaphambili,”uthethe watsho uMabuya.

Amakomkhulu ahlukileyo kweli abenengxaki yokwahlukana phakathi ngenxa yabona bantu bamele ukuba babambele iiNkosi ezithe zakhothama.

Oku kubangelwa kukuba abantu abathi batyunjwe ukuba babambele abavumi kuphuma xa kufike ixesha lokuba baphume ezikhundleni.

“Ezinye zeendawo akhokele kuzo lo mama ziquka iMandileni, Qudlana, Chankcele, Ngwetsheni naseMvuzi nezinye ezininzi,”utshilo uMabuya.

Okhokele eli gqiza beliphikisa le nkosikazi yeNkosi uZolile Makaula, akakhange afumaneke ukunika ilizwi egameni labo bebechase uNokwezi.

“Sivuya kakhulu kukuphumelela kwethu eli dabi kuba oku kukubuyisa imbali nesidima sesizwe samaBhaca,”uthethe watsho uMabuya.

siyabulela.mqikela@inl.co.za