Ikomkhulu lamaGcina liyambanga uBiko

UNkosana uPhandulwazi Mhlontlo uthi ngenene abanakuthula besisizwe samaGcina xa ilizwe likhumbula iminyaka elishumi elinesine wabhubha uSteve Bantu Biko kuba nguMgcina wesa sizwe.

“Ukubuya kukaNkosinathi esuthwini weziswa apha kuthi nguSis’ Ntsiki siziiNkosi zamaGcina senza ke ezethu ngokwesiko, uyise kaBiko uzalwa kule lali kuthwa yiCacadu apha ecaleni kwesibhedlele saseGlen Grey, ngumntwana wethu uBiko,” utshilo.

USteve Bantu Biko wazalwa ngomhla weshumi elinesibhozo kwinyanga kaDisemba ngo1946, ezalelwa eTylden kude kufutshane nedolophu yakuKomani, kodwa uyise uMzingaye Biko yinzalelwane yamaGcina aseCacadu.

“Zininzi iintsapho ezimke apha ezinamagama amakhulu, ndingabalula kuzo usapho lakwaSisulu nolakwa Ngonyama, basuka apha, abo babantu bathi ke ngokukhula banabela kwezinye iindawo,” utsho uMhlontlo.

Le ngxelo ithi uBiko ngumzukulwana wamadoda afika kulo mhlaba wabaThembu emva kokuba uTyhopho wamaGcina wathi wanikwa igunya lokuba yiNkosi esabelwa nguKumkani uNgubengcuka.

“Intombi enkulu kaNgubengcuka yayiyinkosikazi kaTyhopho ngoko ke wayengumkhwenyana weKumkani,sadibana ngolo hlobo nobukhosi singamaGcina, obu bukhalipha nibubone kuBiko busuka emva koPhatho, Tyhopho, Xhamela, kooNcancashe ooMalambayendle,” kutsho uMhlontlo.

Esi sizwe sizibalule kwakumaxesha akudala ngokukhalipha ngesikhokelo sikaTyhopho. “Enye into eyabangela ukuba uNgubengcuka anike uTyhopho ubukhosi yaba kukuba wayekhaliphile, wathi eliphakathi nje kodwa weza nofele lwengonyama eze kunika uKumkani, singamakhalipha apha uBiko ufuze loo madoda,” utsho uMhlontlo.

Usibonda welali yaseCacadu apho azalwa khona uBiko uSimon Somdaka, uthi ngenene bayazidla ngendima eyadlalwa ngulo mfo wakwaBiko.

“Nangona kwakunzima ukuthetha ngokukhululekileyo ngegama lakhe ngela xesha bekusenzeka esi siganeko sokubulawa kwakhe, kodwa kamva sibonile ukuba ngenene washiya umzila omhle kweli lizwe, siyazingca ngaye, isekho isemininzi imizi yakwaBiko apha elalini,” utsho uSomdaka.

UBiko wabhubha ngomhla weshumi elinesibini kwinyanga yoMsintsi ngenxa yokubethwa ngamapolisa worhulumente welo xesha.

“Imfundiso zakhe uXhamela zisahamba nathi nanamhlanje simhlonipha kakhulu, sisithi kuye siyabulela ngobomi bakhe,” utsho uMhlontlo.

Ikomkhulu lamaGcina lizinze kuZingxondo eMtsheko kuNkosi Lwandile Mpangele nakuMaqhashu eLady Frere kuNkosi Thandisizwe Mhlontlo.

Ukanti uNtsiki Biko oyinkosikazi kaSteve Biko uyangqina ngeli khaya.

“Siyahambelana, siyadibana xa kukho into enyanzelisa oko, imvelaphi yekhaya ikwela cala, uNkosinathi lo ndikhe ndamsa.”