IKomkhulu lamaXhosa liphantsi kwelifu elimnyama

Nkosazana Bukelwa Sigcawu

IKOMKHULU lamaXhosa eNqadu kuGatyana linyembezana emva kokubhubha kukaNkosazana Bukelwa Sigcawu oyintombi yokuqala kwikunene longasekhoyo uKumkani Xolilizwe Sigcawu.

UNkosazana Bukelwa ubhubhe ngomhla wokuqala kule nyanga emva kwengulo engephi. Ebeneminyaka engamashumi amahlanu anesithathu ngethuba ebhubha.

Le nkosazana yintombi yokuqala kaKumkanikazi Nogaweni Sigcawu, umfazi wendlu yasekunene kaKumkani Xolilizwe. UKumkani Xolilizwe ngutata weKumkani yamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu.

Othethela iKomkhulu lamaXhosa uNkosana Xhanti Sigcawu uthi baxhelekile kukushiywa yile nkosazana. “Ibiyintombi ebesixhathise ngayo le apha Komkhulu. Sinyembezana sonke singamaTshawe ngokubhubha kwakhe. Ebelithanda kakhulu ikhaya lakhe futhi esincedisa kwizinto ezininzi,” utshilo uSigcawu.

Ngokwembali eqokelelwe nguMpumelelo Makuliwe uKumkani Xolilizwe wayenabafazi abahlanu.

Owokuqala nguKumkanikazi uNondwe intombi kaNyangilizwe kumaMpondo aseNyandeni. Lona ke ngumfazi omkhulu.

UNondwe uzele unyana ogama linguSiseko ‘Nondoda’ Zwelethu Sigcawu nentombi uNomaGcaleka eyendela kwaMatanzima kunyana kaNkosi Ngangomhlaba Matanzima. Ngelishwa uNondoda waba ngumntu okhubazekileyo ogula sisifo esinxulumene nengqondo, waza ke waba ngumntu okhubazekileyo, baza ke ubukumkani banikelwa kwiqadi lendlu enkulu.

Owesibini ukwidlu yasekunene uKumkanikazi uNogaweni. Le nkosikazi izala unyana uNkosana Ahlangene neentombi uBukelwa (obhubhileyo), uThobeka noSheila. UNkosana Ahlangene ngunozakuzaku woMzantsi Afrika e-Ireland.

Owesithathu ukwiqadi le ndlu enkulu uKumkanikazi uNozamile. Le nkosikazi izala uKumkani Mpendulo Zwelonke Sigcawu nowathi wangena ezihlangwini zikayise uKumkani uXolilizwe. Kumama wakhe uZwelonke uzalwa noSimphiwe neentombi uVuyiswa noNontathu.

Umfazi wesine ukwiqadi lendlu yasekunene uKumkanikazi uNolitha. Kule ndlu akukho mntwana. Owesihlanu ukwindlu yexhiba uKumkanikazi uNolusapho intombi yakwaGoqolo. Le nkosikazi izele unyana uPhandulwazi Ntabothando Sigcawu.

UNkosazana Bukelwa uzakungcwatyelwa eNqadu ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga.