IKonwaba kwiinkqubo zokuqeqesha uluntu

Iziko loqeqesho iKonwaba Training Solutions ithi izimisele ukudlala indima ekuqeqesheni ngezakho uluntu lwaseMpuma Koloni. Oku kuvele kumsitho weli ziko obubanjelwe eFish River Sun Hotel ePort Alfred.

UNandipha Bhali noyinzalelwane yaseGcuwa nongumlawuli eKonwaba uthe injongo yokuba bavule eli ziko kungokuba bafuna ukunceda uluntu.

“Sizakuzama ukunceda nakwizinto zolwaluko. Sinoogqirha ababini abangamadoda abazakujongana nalo mba ngokuncedisana neenkosi zasekuhlaleni ukukhawulelana nokusweleka kwabakhwetha eSuthwini,” kutsho uBhali.

Unkosi Onke Matanzima ubonakalise inkxaso kweli linge. Lo kaMatanzima uthe ngethuba ifika kubo iKonwaba kwiiveki ezimbini ezigqithileyo wayenexhala kodwa wathi akuva umbono noncedo abaza nalo babona ukuba mababanike ithuba nanjengoko bezakusebenzisana nabo.

Usekela mphathiswa wezezimali uMcebisi Jonas naye uvumile ukuba amaziko afana neKonwaba ayafuneka kakhulu kuba izinto ezizayo ziyafuneka kakhulu eluntwini.

“Ulutsha maluzibandakanye namaziko afana neKonwaba ukuphuhlisa izakhono zabo,” kutsho uJonas, watsho esithi iKonwaba kufuneka ijonge nabo sele benezidanga zaseYunivesithi nanjengoko zingathethi ukuba bazi yonke into, kwaye uyathemba ayifani nala maziko angoovuk’engceni aphinde anyamalale.

USipho Tandani nongusodolophu womasipala waseNdlambe uthe, iKonwaba kufanele igxininise nasekufundiseni ooceba koomasipala basekuhlaleni kuba uqinisekile bangafunda lukhulu kuyo.

Umntu ofuna ukuqeqeshwa eKonwaba angatsalela umnxeba ku 043 721 3314, umqulu obonisa ngezifundo ezizakwenziwa uzakuphuma ngoJulayi.

Nalu uluhlu lwezifundo zoqeqesho laseKonwaba:

* Further Education and Training Certificate: Municipal Finance and Administration Level 4

* National Diploma: Public Finance Management and Administration Level 5

* Certificate: Municipal Financial Management Level 6

* National Diploma: ABET Practice NQF Level 5

* Higher Edu &Training Cert: Development Practice NQF Level 5

* National Certificate: Community Development NQF Level 5

* National Diploma: Braille Practice NQF Level 5

* Advanced Cert: School Management and Leadership NQF Level 6

* National Certificate: New Venture Creation (SMME) NQF Level 2

* National Certificate : Business Administration/Secretary NQF Level 3

* National Certificate : Business Administration / Secretary NQF Level 4

* Further Education and Training Certificate: Administration Management NQF Level 4

* Monitoring & Evaluation: M&E Manager NQF Level 6