IKrismesi ejele kwisidlwengu

INQUNUNU yaseBlythswood Junior eNgqamakhwe etyholwa ngokudlwengula umfundi wesikolo sayo isithuba seenyanga ezintlanu izakuyichitha eziseleni zamapolisa iKrismesi yalo nyaka.

USiviwe Shosha, wakuNomaheya eNgqamakhwe, noneminyaka engamashumi amahlanu ananye (51), wabanjwa ngamapolisa kwinyanga yeKhala kulo nyaka, emva kokudlwengula umfundi oneminyaka elishumi elinesithathu phakathi kwenyanga yoKwindla neyeKhala kulo nyaka. Le titshala, etshatileyo ekwa nabantwana abane, yayidlwengula lo mfundi ngokuthi imqhathe ngemali.

Le nqununu ibiye imdlwengulele emzini wayo kwilali yakuNomaheya lo mfundi.Lo mfundi ukhathazwa sisifuba (asthma) kwaye ulanda iipilisi ekliniki rhoqo.

Le titshala ibithanda ukumkhapha ngemoto xa eyokuthatha iipilisi. “Bebesithi xa bebuya ekliniki, le titshala imthathe imse kumzi wayo ifike imdlwengule. Maxa wambi ebeye amdlwengule phambi kokuba ayokulanda iipilisi. Xa emdlwengule phambi kokuya kulanda iipilisi, ebeye amxelele ukuba makangabisaya ekliniki,” kutsho isalamane sexhoba.

Le nqununu ivelile kwinkundla kamantyi waseNgqamakhwe kwiveki ephelileyo kwaye ithe yayalelwa ibheyile.

Inkundla ithabathe isigqibo sokuba eli tyala kufuneka lidluliselwe kwinkundla yengingqi yaseTsomo.

UShosha uyakuvela kwakhona enkundleni ngomhla weshumi elinesithandathu kweyoMqungu kunyaka ozayo.