IKrismesi emjiva kotyholwa ngokudlwengula!

KULINDELEKE ukuba ityele iKrismesi eluvalelweni indoda yakuGatyana enama-34 eminyaka emva kokubanjwa ngamapolisa ngezityholo zokudlwengula owasetyhini onama-67 eminyaka ubudala. 

Umrhanelwa kubikwa ukuba ufike kwikhaya lalo mama elikwilali yaseDadamva ngorhatya langoMvulo wakhaba iingcango, ngethuba ixhoba lihleli lodwa. 

Amapolisa aqhube athi, umrhanelwa ungene walihlasela ixhoba ngentonga phambi kokuba aliqweqwedisele kwigumbi lokulala nalapho afike walidlwengula khona. 

Emva koko umrhanelwa uphume wabaleka, kodwa emva kokuqhuba uphando amapolisa aye awufumana umkhondo, aze ayibamba indoda erhaneleka ngokuba ngumenzi weli nyala. Kulindeleke ukuba ivele kwiNkundla kaMantyi kuGatyana ngoMvulo.