IKrismesi ithembisa ngokuba myoli

Kulindeleke imozulu entle engenamvula kwiphondo leMpuma Koloni ngokubanzi kwezintsuku zandulela iKrisimesi yalo nyaka ka2015.

Ingxelo yezanuse zezulu kweli phondo ithi, kulindeleke imozulu efudumeleyo nezakukhatshwa zintshizane kwindawo ezigudle unxweme (eMonti) emva kwemini ngomhla weKrismesi.

Kulindeleke imvulana ezingephi ngomhla wamashumi amabini anesithandathu, kwaye oku kuzakwenza inguqu kwimeko yembalela exakileyo kweli. Ngomhla weKrisimesi kulindeleke amafu nobushushu kwindawo ezigudle unxweme ngorhatya langalo mini.

Isiqingatha seMpuma Koloni kulindeleke ukuba sithi gqaba-gqaba ngamafu nemvulana ezingephi kwingingqi zaseTranskei.

Ukanti kukho iindudumo ezilindeleke kwindawo ezigudle umda weli nelizwe lase-Lesotho.