Kulindeleke ukuba zivule ngentsimbi yesibhozo ngomso nangeCawe izikhululo zokubhalisela ukuvota zeliphondo leMpuma Koloni, ngenjongo zokunika abantu ithuba lokuba babhalise.
Ingxelo ye Independent Electoral Commission kweliphondo, ithi longezwe ngezitishi ezingamashumi amabini ananye izitishi ezizakubhalisela ukuvota kule mpelaveki.
Oyingqonyela yale komishoni kweli phondo uThami Mraji, uthi lenyukile inani lezitishi zokubhalisela ukuvota xa kuthelekiswa nobhaliso lwenyanga ephelileyo.
Ezi zitishi bezingamawaka amane namakhulu amathandathu namashumi asixhenxe anesibhozo (4 678), kwesisihlandlo zizakuba zikumawaka amane namakhulu amathandathu namashumi alithoba anethoba (4 699).
“Esi sisihlandlo sokugqibela sokubhalisela ukuvota kwabantu kwindawo abahlala kuzo, ngoko ke kubalulekile ukuba abantu balisebenzise eli thuba,” utshilo uMraji.
Uthi oku kukwajolise ukunika abantu ithuba lokuba bajonge amagama neenkcukacha zabo kuluhlu lomqulu wabavoti.
UMongameli Jacob Zuma uthi abantu beli bazakube bevota ngowe-3 ku-Agasti walo nyaka.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo