IKumkani yesizwe samaMpondo uZanozuko Sigcau ubongoza abantu besizwe sakhe ukuba basebenzisane namagosa esebe lezendalo enza uphando eXolobeni ngaseMbizana malunga nokuqalwa komgodi kule ndawo.
Eli sebe lenza uphando oluzama ukukhangela ubungozi neengxaki ezinokubangelwa kukuqaliswa komgodi weTitanuim kula ndawo yaseXolobeni nosele kubangele ukubhabha kwabantu.
Uluntu lala ndawo lahlukene kubini malunga nomcimbi wokuba uqalise kusini na umgodi wokugrumba iTitanuim kummndla waseXolobeni.
“Okwangoku sicela ukuba abantu basebenzisane nala magosa bawanike zonke inkcukacha azifunayo, kuba oku kuzakunceda ukuba kuthathwe isigqibo esisiso ngurhulumente malunga nokuqala komgodi,” utshilo uSigcau.
Ukungaboni ngasonye kwabahlali kubangele ukuba kumiselwe ikomiti ebizwa ngokuba yiAmadiba Crisis Committee echasene nokuqalisa kwalo mgodi.
Ingxelo ithi, olu phando lizakinika ingcebiso ebonisa ukuba kulungile na ukwenziwa kwalo mgodi okanye akulunganga.
“Olu phando luzakusicebisa ukuba sivume na okanye sale ukuba umgodi uqhube, kuba luzakubhentsisa ingxaki ezizakubangelwa ngulo mgodi ezimpilweni zabantu, nakwindalo esingqongileyo eXolobeni,”uthethe watsho uSigcau.
Lo kaSigcau uthi, akathandabuzi ukuba bazakuxhasa nasiphi isiphumo esizakukhutshwa yingxelo yolu phando kuba bafuna inkqubela.
“Ukuba le ngxelo ibuya isithi mawuqhubeke umgodi sizakuwuxhasa lo mbono ngaphandle kwamathandabuzo, ukuba ithi makungaqhutyekwa nomgodi sizakuxhasa lo nto kuba izakuba ilungile,” ucacise watsho uSigcau.
Olu phando lusekelezelwe kumthetho obizwa ngokuba yiNational Environmental Management Act yonyaka u1998.
Othethe egameni le-Amadiba Crisis Committee uNonhle Mbuthuma uthi abazani nayo yonke le nkqubo yokucholwacholwa kwezimvo.
“Kuyothusa ukuba ibenguye uKumkani othethe ngophando oluqhutywa okanye oluzakuqhutywa kuba kudala siyazi ukuba uyalixhasa eli phulo lokuba lo mgodi uqalise,” ucacise watsho uMbuthuma.
Lo kaMbuthuma uthi, ingxaki yokugrunjwa kwalo mgodi izakuchaphazela iimpilo zabantu abahluphekayo.
“UZanozuko akazukuchatshazelwa yinto kuyo yonke le nto yalo mgodi, yena nosapho lakhe sithi abantu abazakugula apha,” utsho uMbuthuma.
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!