IKumkani yamaBhaca ikhothamile emva kwengulo engephi

IKUMKANI yamaBhaca uMadzikane II Thandisizwe Diko ubhubhele kwisibhedlele saseMonti ngeCawe emva kwengulo emfutshane, lutshilo usapho lwakhe kwimbalelwano yangoMvulo.

Ebeneminyaka engamashumi amane anesithathu (43).

UDiko ngumyeni wesithethi sikaMongameli esinqunyanyisiweyo, uKhusela Diko.

Isithethi sosapho uLumko Mtimde uthe: “Kungonxunguphalo olungathethekiyo ukuvakalisa ukushiywa ngesaquphe yiKumkani yethu. ISizwe samaBhaca kwanekomkhulu lisazama ukwetyisa le lahleko ingaka nebuhlungu katata, unyana nomnyeni wethu ebesimthanda.”

“Siza kwenza intetha kwakhona xa sele amalungiselelo omngcwabo enziwe. Siyanibulela ngokugcina usapho neSizwe samaBhaca kwiingcinga nasemithandazweni ngeli xesha linzima,” utshilo uMtimde.