Ikumkani yamaXhosa ihlab’ ikhwelo kuluntu

Ikumkani yesizwe samaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu umemelela ulutsha laseNqadu kuGatyana ukuba lumncedise ukulwa iingxaki ezambethe eza lali zingqonge ela komkhulu lamaXhosa.

Le ngonyama ithethe oku ngethuba kuqhutywa inkqubo yokuxhobisa abantu beelali zakuGatyana malunga namacebo okulwa olu laphulo mthetho luxakileyo eNqadu.

UKumkani uthi ulwaphulo mthetho akanalukhanyela ukuba lukho kwaye luxakile kwiilali zakhe.

“Esi sisifo esitsha esibangela ukuba intlalo yabantu balo mhlaba kabawomkhulu bahlale kabuhlungu, kodwa kufuneka simanyane ukulwa nale ngxaki,” utshilo umhlekazi.

Ilali yaseNqadu idume ngolwaphulo mthetho oluquka ukubulawa kwabantu, ukudlwengula kwa- nokukhuthuzwa kwabantu abadala abamkela inkam nkam.

“Zikho iinzame endizenzayo ukulwa nale ngxaki, kutshanje ndikhuphe imali elishumi elinesihlanu lamawaka eerandi ndisenza itumente yebhola ekhatywayo, loo mali yaphunyelelwa ngamaqela ebhola asemaMpondweni kuba awalapha amaqela awanalo ithuba lokudlala ibhola ephucukileyo,” ithethe yatsho iKumkani.

Amasebe ahlukeneyo kurhulumente wephondo leMpuma Koloni atyelele ela komkhulu ekhokelwe yi-ofisi yenkulumbuso ngelizama ukuxhobisa abantu abampilo zabo zidlakazwa lulwaphulo mthetho.

“Ndicele inqwelo mafutha yokuncedisa amapolisa apha kurhulumente ndisithi mayize kanye apha eNqadu, ndide ndathi mayibhalwe iNqadu apha kuyo kodwa yasuka yafika ibhalwe uGatyana,” ithethe yatsho le Kumkani.

Othethe egameni lamapolisa akuGatyana uColonel Sithole uthi ngenene luxakile ulwaphulo mthetho.

“Sicela ebantwini ukuba baqhubeke ukusazisa ngeengxaki zolwaphulo mthetho ukuze senze oko sinako ukukwenza, kodwa ndingatsho ukuba amapolisa ayawenza umsebenzi wawo,” ucacise watsho uSithole.

Kunyaka ophelileyo kula lali kubulewe amantombazana amabini osapho olunye ngokudlwengulwa aza anqunyulwa imiqala omabini.

Abahlali bale ndawo basebenzise eli thuba ukuxelela amagosa karhulumente ngeengxaki zabo.

Imvumi kwanomdanisi wakuGatyana uSweet Mama uthi abaxhaswa kwiinkqubo zabo zokuzama ukukhupha ulutsha ezitalatweni ukuze lahlukane nolwaphulo mthetho olugqugqisa eza lali.

“Sinamaqela eemvumi apha awafumani nkxaso ngoko aba bantwana bancame babuyele kulaphulo mthetho kuba abafumani nkxaso, aba bacula apha ngoku abazukuhlawulwa ngoko ke niyaziphikisa yonke le nto niyithethayo,” uthethe oko uSweet Mama.