Ilanga latshon’ emini ‘Bro Steve!’

“Kwedini, lithe lakukhala ixilongo liphuma kwaRadio Bantu, nenguMhlobo Wenene FM kwezi ntsuku, ingumhla we-12 kule nyanga yoMsintsi, lisithi ithole lomgquba uSteve Bantu Biko liyibekile inqawa, ilanga latshon`emini kumzi ontsundu.” Ngamazwi kabawo ondizalayo la, into kaMavela, uMngwevu, uNgqayimbana igama.

Ndimbuzile ukuba oku kutshona kwelanga kungqamana njani nokuwa kwale nkokheli yezopolitiko, nesasihlala sirhatyuliswa ngayo kwiindibano zezifundo zopolitiko, ubawo wathetha amazwi endingenakuze ndiwalibale.

Waqhabalaka wenjenje, “mntanam, phakathi kweenkokheli zethu zomzabalazo ezininzi, uBantu Biko, uXhamela, yenye yezo yayikubethelela kakhulu ukuzingca kwethu ngobumnyama bethu. Wayeyigxininisa into yokuziphilela kwethu singaxhomekeki kwezinye izizwe, ukuze sibe sisizwe esiluqilima, isizwe esinesidima nesixhomekeke koovimba baso.”

Uthe akutsho, ndahlala phantsi, ndazikisa ukucinga, ngelam ndizama ukukhangela nokuba inye kwezi nkokheli zanamhlanje, inkokheli enokukhuthaza abantu bakuthi ukuba bazingce ngobuntu babo, ikhuthaze ukuziphila kuthi mzi ontsundu, singaxhomekeki kwimivuzo esiyihlawulwa emva kokusebenzela abanye abantu.

Ezanamhlanje iinkokheli zikhuthaza ukusungulwa kwamathuba emisebenzi, endaweni yokukhuthaza ukusungulwa kwamaphulo okusekwa koovimba abanokukhuthaza ukuziphila nokuzimela ebantwini.

Koda kube nini na sixhomekeke kwimivuzo esiyinkinkishelwayo? Shukumani mathambo amhlophe ka-Bro’ Steve Biko nifake ulwamvila lokuzithemba, ukuzingca nokungazithandabuzi komntu ontsundu eMzantsi Afrika!

UBro’ Steve usweleke, gxebe wabulawa ngokungenalusini ndiseyimfambilini ema ngenja, kodwa bekusithi rhoqo ubawo nomkhuluwa wam uNyanisekile bendibalisela ngaloo mhla we-12 kweyoMsintsi, umhla wokugwintwa kwakhe ngamadlagusha ayethenjiwe ngokutshutshisa nokuthuthumbisa iinkokheli zomzabalazo wenkululeko, iinyembezi zisuke zizehlele, ndibe nomfanekiso woko kuxhatshazwa nokuthuthunjiswa kwakhe engenatyala, ebethwa, exangxathwa ngenxa yokulwela inkululeko yethu, ngenxa yokulwela ukuba umntu nomntwana ontsundu angahlali ngokoyika kwizwe lakowabo!

Yhini na kodwa mabandl`akowethu ukuba singafundi nanye kwezo mfundiso zikabawo uSteve Biko. Kunanamhla umntu ontsundu usazibona esisicaka esifanelwe yindlala nokuxhomekeka, zinto ezo wayezilwa uSteve Biko.

Ukubhubha kwakhe kwaba ngumqondiso wokubhanga kokuzingca, ukuzithemba, ukuziphila nokuzithanda kuma-Afrika aseMzantsi Afrika!

USteve Biko ubhubhe eneminyaka engama-30 kuphela, khawufane ucinge ukuba umntu ontsundu ngendawoni ukuba wayephile wade waneminyaka engama-50 ukunyuka? Intlungu yokufa kwakhe maze ingabi lilize ma-Afrika!

Ukufa kwakhe masikukhumbule kule nyanga yoMsintsi ngokuthi sivuselele iinjongo zakhe ngathi ma-Afrika! Mhla ambulala amadlagusha ayesithi abulala ithemba lokomelela kuthi ma-Afrika.

Masibabonise ukuba iimfundiso zikaSteve Biko zisaphila, ngokuthi siyeke ukuxhomekeka kubo, koko siphile ubomi bethu bemvisiswano, ubomi bokuhlambana imihlana, ubomi bokuxhasana sikhuphane endlaleni, ubomi bokulima nokufuya, ubomi bokuthenga imihlaba endaweni yeempahla neemoto ezingenamsebenzi, sibe namaziko ethu agqwesileyo emfundo, awezonyango, namanye amaninzi okuziphuhlisa!

Ndithi ndakucinga ngendlela amthuthumbisa ambulala ngayo amadlagusha ubhuti wethu uSteve Biko, unyana kaMaMcethe, ndifune ukumkelwa yingqondo! Yhini na ukude bamphuce isidima ngokumbulala okwesilwanyana uvulindlela wokuzingca kwethu hlanga oluntsudu?

Bamkhulula bamhambisa ngaze eyindoda, engutata, engumyeni, bakwenza oko besazi ukuba bamhlutha isidima sakhe kuqala. Balandela ngokubolekisana ngaye eziseleni, bamxangxatha, bamhlinza, bamnkula, baze bambethekisa ngentloko emadongeni wade wanegazi ebuchotsheni!

Uthe nangoku sele engazazi nokuba uphi na, izikhohlakali ezaqeqeshelwa ukugwinta iinkokheli zethu bantu bantsundu, azabiza nogqirha ngoku sele zibona ukuba zimosele, zamyeka ukuze antsentsethwe ziintlungu ade abhubhe!

Imbali ithi ngalo lonke elo xesha uBro’ Steve wayethule ethe cwaka, ekuzolele ukufa kwakhe njengethole lomgquba, njengenkokheli egqibeleleyo. Izigwinta zamadlagusha zaqala ngokumlayisha emotweni engombethanga, ehamba ebetheka ukusuka eBhayi ukuya ePitoli, zagqibela ngokumkhuphela ngaphandle ngoku sele ukufa kumfikela, zamhluthela nesidima sokugqibela awayesele exhathise ngaso, bambophelela emasangweni, iinyawo zakhe nezandla zakhe bazitweza, baziqamangela kwiintsika zelo sango, bakugqiba bamshiya apho.

Nanjengetsha-ntliziyo, uBro’ Steve akazange anikezele, waxel`uSamsoni weZibhalo, wazama ukuzincothula ezo ntsika nokuzikhulula kuloo makhamandela, kwade kwamfikela ukufa bemlalise emgangathweni wesamente enganxibanga!

Kwanga ukusweleka kwale nkokheli yayigqibelele, kunganefuthe lokuvuselela ubuzwe bethu njengama-Afrika, sizingce, sivuthulule ubucaka nokuthanda ukulandela izinto zezinye izizwe, koko sikholose ngobu-Afrika bethu!

Ngaphezu kwako konke, abantwana bethu mabayeke ukufundiswa ngooRibhikhi nooNapoliyoni, bekho ooSobukhwe; ooTambo; ooHani nooBiko!