Ilifu elimnyama esiPoliseni emva kokubhubha kwamabini

Kubhubhe iPolisa lalinye (1) konzakala amane (4) kwingozi yemoto eyenzeke kuhola wendlela uN2 ngaphandle kwakuTsolo. Le ngozi yenzeke ngoMvulo kule veki ngethuba imoto yamaPolisa ingena kwingozi neminibus kwakunye nenye yesithathu imoto.

Ngokwengxelo kaLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa, ithi ngokolwazi abalufumeneyo, la maPolisa mahlanu (5) nayinxalenye yeqela leMthatha K9 Unit, ebehamba ngeemoto ezimbini elandela umkhondo wabarhanelwa abaqhekeze umzi ePort Edward kwaye babephethe imipu.

Ingxelo ithi abarhanelwa aba bebesele bebuya bekuN2 ngakuQumbu, bebelindwe ngamaPolisa kude kufuphi naseDukathole Brickyard kwisiphambuka sakuTsolo ngethuba begilwa yiminibus nenye imoto.

UWarrant Officer (49), nobenguye umqhubi ubhubhe kwangoko kwindawo yexhwayelo, logama abanye befumene umonzakalo nabafumana unyango kwizibhedlele ezikufutshane.

Kusenjalo ngoMgqibelo umhla we14 – kubhaqwe iPolisa nelinguConstable sele libhubhile kwisitalato iMxina kwilokishi yakwaNompumelelo eBeacon Bay.

Lo Constable (28) ebesebenza kwisikhululo saseDuncan Village.

Ingxelo ephuma kuWarrant Officer Majola Nkohli, ithi ebengaphangelanga ngobu busuku, ubhaqwe ezinzulwini zobusuku enenxeba elikhulu kumzimba ongentla.

Unobangela awukaziwa kwaye akukabanjwa mntu. Ityala lokubulala livuliwe, kwaye uphando luqhutywa yiDPCI.

UMkomishinala wePhondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene kwanabo bakulawulo kwaSAPS badlulise amazwi ovelwano kwiintsapho nakwizihlobo zamaxhoba.

Ityala livuliwe kwaye luyenziwa uphando.