Ilifu elimnyama kubaPostile

Inkonzo yabaPostile iSt Paul Faith Mission International eKapa isenzileni ngenxa yokushiywa ngamalungu amathathu ale nkonzo emva kokuba etshone kulwandle laseMonwabisi ngethuba kuqhutywa ubhabhatizo ngeCawa.

Othethe egameni lale nkonzo uLuphumzo Sixishe uthi abakrokreli nto igwenxa kwindlela abhubhe ngayo uSonwabiso Nyanda, Thembalipheli Klaas kunye noAwonke Manyakanyaka.

“Sibuhlungu kakhulu kodwa sikholelwa ukuba konke oku kwenzeke sisemsebenzini kaThixo, amalungu ethu onke ayalila kodwa likhona ithemba kuMdali wethu,” utshilo uSixishe.

Uthi la madoda atshone sele begqibile ukwenza umsebenzi wobhabhatizo olungcwele nanjengoko beqhele ukwenza minyaka le.

“Lo ngunyaka weshumi sisenza le nkonzo yobhabhatizo olungcwele, sivuke kusasa sathandaza phambi kokuba siye elwandle, sifike naselwandle sathandaza, umntu wokuqala uthathwe ngamaza sele sigqibile ukubhabhatiza, ababini balandelelene bezama ukuhlangula,”utshilo uSixishe.

Ababini kula madoda aphuma kwiphondo leMpuma Koloni, itsho ingxelo.

“USonwabiso Nyanda ngowaseNgqamakhwe ngokuzalwa, uThembalipheli Klaas ngowakwaSijula eCofimvaba, lo ungekafumaneki uAwonke Manyakanyaka asiqinisekanga ngekhaya lakhe,” utshilo uSixishe. Imizimba yamadoda amabini kule ntlekele sele ifumanekile logama umzimba kaManyakanyaka ungekafumaneki.

Othethe egameni losapho lakwaKlaas, uMasiwakhe Adam uthi babuhlungu ngenxa yesi siganeko.

“Kubuhlungu kakhulu ukubhujelwa ngumntu phantsi kweemeko ezikumila kunje, sinePasika ekrakra kakhulu ngenxa yesi siganeko,” utshilo uAdam.

Eli lixesha lokuba amaKrestu oMzantsi Afrika athi bhazalala ukuya kwimbombo zone zelizwe ngeliya kubhiyozela isikhumbuzo sokuxhonywa kukaYesu emnqamlezweni.

Othethe egameni leenkonzo zohlangulo elwandle eKapa, uWayne Dayson, uqinisekise ukuba ngenene kusanqunyanyisiwe ukukhangelwa kwendoda engekabonwa.

UManyakanyaka kuchazwe ukuba ubesele eneminyaka elithoba ehlala kwizakhiwo zale nkonzo eHarare.

“Amaza olwandle ebedlokova ngohlobo olungaqhelekanga nje emva kokuba umntu wokuqala etshonile, kwanzima kakhulu ukufikelela kulo wokuqala, aba babini bebehlangula, batshona nabo ngenxa yamaza adlokovayo,”utshilo uSixishe.

Umama kaKlaas uvakele exhelekile emnxebeni ngethuba sizama ukuthetha naye.