ILions iqubisana neWaratahs kwiSuper Rugby

Namhlanje yimini yeemini ezakuhlala kwimbali yombhoxo. ILions yamakela iWaratahs kumdlalo omkhulu futhi ozakuthanda ukuba nzima e-Ellis Park Stadium ngentsimbi yesithathu (15:00) emalanga namhlanje. Lo ngumdlalo wesibini wala maqela kule sizini entsha yeSuper Rugby.

Yona iLions iyakube ikhokelwa sisiququ sakwaMapoe. Uzakube ebeleke unombolo #14 emqolo kulo mdlalo futhi ejongene ngqo ngezikhondo zamehlo no-Israel Folau, weWaratahs. Omnye umdlali ekulindeleke abekhona kulo mdlalo nguHarold Vorster okulindeleke athathe indawo kaHoward Mnisi owonzakeleyo. Lo kaVorster kucingeleka ukuba angadlala kwindawo ayithandayo unombolo #12 – apho azakusebenzisana noRuhan Janse van Rensburg ongaya ephikweni.

Zidlale ngolo hlobo iLions neCheetahs kwiveki ephelileyo emva kokuphuma kukaMnisi engciphuza kwimizuzu elishumi elinesihlanu umdlalo uqalile. Nangoku kulindeleke kubekho iinguqu phaya naphaya kulo Mgqibelo.

“Abadlali bethu basemva asibadlalisi endaweni enye xa sizilolonga,” utshilo uSwys de Bruin olisekela mqeqeshi kwiLions.

“Ukudlala iinddawo ezahlukeneyo kwabadlali basesiswini kubalulekile kuthi. Kungaba kwicala lasekhohlo okanye ekunene – akubalulekanga oko, abadlali kufuneka badlale kwezo ndawo banikwe zona. Thina asikoyiki ukuzama izinto ezintsha apha kwiLions – jonga uRohan. Ndicinga ukuba udlale kakuhle kwiveki ephelileyo,” utshilo uDe Bruin.

ITahs zingalindela utshintsho kwiindawo ezithile. Ukufakwa kukaVorster ku#13 ayikuko kuphela kotshintsho, uRoss Cronje uzakuthi athathe indawo kaFaf de Klerk kanti yena uRobbie Coetzee uzakuthatha indawo kaMalcolm Marx. Abaqeqeshi beWaratahs baligcine ngobunjalo balo iqela labadlali elidlale kwiveki ephelileyo. Umqeqeshi wabadlali basemva uJP Ferreira uthe bazimisele ukuyivavanya ndawo zonke iLions kulo mdlalo.

Abadlali beLions abazakuthi baqalae umdlalo:

Andries Coetzee, Lionel Mapoe, Harold Vorster, Rohan Janse van Rensburg, Courtnall Skosan, Elton Jantjies, Ross Cronje, Warren Whiteley (capt), Ruan Ackermann, Jaco Kriel, Franco Mostert, Andries Ferreira, Ruan Dreyer, Robbie Coetzee, Jacques van Rooyen; Replacements: Malcolm Marx, Dylan Smith, Johannes Jonker, Lourens Erasmus, Kwagga Smith, Faf de Klerk, Sylvian Mahuza, Jaco van der Walt