Ilishwa lomntwan’ ontsundu!

Iminyaka ide yaya kufika kumashumi mabini anesine eli lizwe likhululekile, kodwa umntwan`ontsundu usaphila ebugxwayibeni.

Xa sinokubuyela umva sijonge kwinkqubo yolwabiwo lweenkonzo zoluntu kula rhulumente wabacinezeli ababe ngenalusini, uya kuphawula ukuba loo rhulumente wezixhiliphothi ezazise zade zatweza amatakane, zazingamhloniphi umntu ontsundu kangangokuba bangoyiki ukumvimba neenkonzo zelindle ezindilisekileyo.

Ngumntu ontsundu kuphela ngelo xesha owayenyanzeleka ukuba athi naxa sele efuna ukuzinceda, asebenzise amabhakethi.

Kwala mabhakethi, ayethuthwa acocwe aze abuyiselwe kwizindlu zangasese kwasithi bantu bantsundu.

Ukuba imeko yokuzinceda komntu esebenzisa ibhakethe yayifanelekile, kutheni ungasoze uve nakwimbali yaso nasiphi isizwe kusithiwa uhlanga lwasemzini nalo luhlala kwiindawo apho kusetyenziswa iithoyilethi ezinamabhakethi?

Ingathi kum kwala meko yokuzinceda phantsi komthi nasemathafeni yeyona yayicocekile kwaye ingcono, yeka nje into yokuba ngoku ingenakhuseleko kuba abantu basuke bavukwa bubulwanyana.

Nangoku sele kukhululekiwe, zisekho iindawo zabantu bakuthi ezisasebenzisa amabhakethi.

Nangoku sele kukhululekiwe, kuvakala ukuba zizikolo zabantwana abantsundu zodwa ezinamagumbi angasese anobungozi, awohlokayo, ayimigxobhozo enobungozi kangangokuba sele beliqela abantwana bethu ababhubha ngenxa yokweyela kuloo magumbi angasese angekho mgangathweni.

Kutsha nje, iSebe lezeMfundo lenze uphando malunga nezikolo ekufumaniseka zingenamagumbi okanye zindlu zangasese zikhuselekileyo okanye zisemgangathweni, phofu kwaolu phando lwabandakanya neemeko apho ezinye izikolo zingenawo kwaloo magumbi angasese okanye izindlu zangasese.

Kufumaniseke ukuba zizikolo ezimalunga nama-4000 eMzantsi Afrika ezingenawo amagumbi angasese afanelekileyo.

Khawufane ucinge xa umntwana wakho enyanzeleka ukuba alinde de kuphume isikolo emince umchamo nokuzenza mfutshane imini yonke kuba isikolo singenazindlu zangasese. Ufunda njani umntwana ophantsi koxinzelelo olungako? Ngabantwana boobani aba kumele baxhaphazeke ngolu hlobo?

Impendulo inye ithi, ngabantwana benu kuphela mzi ontsundu, kwaye nanjengoopuyuyu boopahaha abangoothobela sikutyele, nakweli ityeli anizikukhalaza, niza kuthula nithi tu, nithi cwaka, ningenzi kwanto ukuze kulungiselelwe iintsana zenu.

Ndithe ndakuva kumajelo eendaba ukuba kukho izikolo zakowethu kweli leMpuma Kapa, apho iintsana zethu kusafuneka zicande amathafa ukuze zifikelele kwizindlu zangasese, ndothuka ndaphantsa ukufa isiqaqa.

Kube buhlungu ngakumbi xa enye yeentwazana ekwisikolo esichaphazelekayo kule meko ithetha kabuhlungu isithi, “ngamanye amaxesha kufuneka siphume emvuleni, sidavuze eludakeni, siye kuchopha phantsi kwemithi nakwingca emanzi ukuze sibe nokubetha amanzi.”

Bambi kubantwana bethu bakhala nangokuba kwezinye izikolo bangena caleni linye abo bangamakhwenkwe kwanabo bangamantombi bazincede kujongenwe kude kwalathiswane. Imeko ebuhlungu ngolu hlobo ayinakuze yenzeke kwizikolo zasemzini ndifung`ooZulu.

Akuzange nakanye kuchazwe ngokwehla kosizi nenyala elinje kwizikolo zasemzini, yonke le ntlungu ihlala ichaphazela thina bantu bantsundu nabantwana bethu.

Bangazingca njani ke ngathi abantwana bethu xa befundela kwizikolo ezingenazindlu zangasese, xa besebenzisa imithi namatyholo okwezilwanyana ukuze babe nokuzinceda?

Kuyo yonke le meko imbi kangaka nehlasimlisa umzimba, ndihlala ndizibuza ukuba xa abantwana bengenawo amagumbi angasese okanye izindlu zangasese ezikolweni zabo, inokuba iititshala zabo zona zenza njani bethu?

Ingaba iititshala zinawo zona amagumbi angasese okanye izindlu zangasese?

Ukuba zinawo, ayikho indlela yokuba kwabelwane ngazo nabafundi okwethutyana, ngeli lixa kusazanywa ukwakhiwa ezo zabafundi?

Le mbono ndazi mhlophe ukuba ingandihlaselisa ngabaninzi, kodwa ingathi ingaba sisisombululo sokutshutshiseka kwabantwana abaphela beziminca imini yonke ezikolweni kuba kungekho ziinkonzo zangasese. Kakade nasemakhaya ethu thina maXhosa, ayikho into ekuthiwa ligumbi okanye indlu yangasese yabazali, kuze kubekho neyabantwana.

Phofu ke nokuba siyathanda, kwale nto yokungena komntu endlwini azincede, yafika nezizwe zaseNtshona, yayingekho apha kowethu! Ngoko ke maze sincede singayilweli into nokuba ayinanto yakwenza nemveli yethu.

Kwelinye icala, ukuba neetitshala nazo zisengxakini yokungabi namagumbi okanye izindlu zangasese, elam lithi kunyembelekile, elam lithi umntu ontsundu uya kuhlala elikhoboka, elam lithi makushukunywe ngokukhawuleza lingekadodobali de kuphele izinga lemfundo kwizikolo zethu!