Ilitye abalilahlayo abakhi, laba yintloko yembombo

Ongasekhoyo uWinnie Madikizela Mandela umfanekiso: Phando Jikelo

Iculo linye kule veki, kukushiywa kwethu ngumama wesizwe, umama uWinnie Madikizela-Mandela. Noxa ebesele emdala nje, kodwa uhambo lwakhe lusothusile kwaye lusishiya sixhwalekile.

Ibali lakhe xa sele libaliswa lineendawo ezimbalwa ezimnandi nezininzi ezibuhlungu, kodwa lo mama uzibonakalise njengomntu oqinileyo engagwagwiswa nayenye into eyayimtshutshisa.

Eli nina kuye kwanyanzeleka lomelele ukukhulisa iintsana zalo lodwa, lomelele ekuqhubeni umzabalazo wendoda yalo sele isentolongweni; kwaye lomelele khona ukuze lomeleze abantwana abantsundu boMzantsi Afrika abankokheli zawo zaziselubhacweni, ezinye zibanjiwe, ezinye zilele kobandayo ngelo xesha.

Ukuwa kwale nzwakazi amaqela ezopolitiko amaninzi aye akhupha imiyalezo yovelwano.

Kuyo yonke lo miyalezo oyena uthe wagqama kum ngumyalezo ophume kula mhlambi umbala ubomvu, iEFF.

Usomlomo walo mbutho, uGqirha Mbuyiseni Ndlozi, uthe xa ewubhala lo myalezo wacaphula isahlukwana kwizibhalo ezingcwele esikwiNdumiso 118: 22 esithi, ‘Ilitye abalilahlayo abakhi, laba yintloko yembombo.’

Eli qela ligudle umbutho olawulayo ngokumlahlela ngaphandle umama uMadikizela-Mandela, nenkumanda ye-EFF uJulius Malema naye uye wawangqina la mazwi xa ebethetha nabalandeli bakhe noonondaba ngaphandle kwekhaya lalo mama ngoLwesibini kule veki.

Ezi nkokheli zalo mbutho ziye zathi umama uMadikizela-Mandela kwakumele ukuba nguye umongameli wokuqala wasetyhini woMzantsi Afrika, oko zange kwenzeke ngenxa yamadoda awoyikayo amandla omntu wasetyhini.

Ndithe ndisetyisa leyo, kwegqi imbongi yasetyhini kumabonakude uLebo Mashile nothethe kabuhlungu ngendlela umama uWinnie watyakatywa ngayo ngamadoda ombutho wakhe, amkhuphela ngaphandle, azisusa kuye ngenxa yezenzo awazenza ngexesha lengcinezelo.

Yonke le nto ndiyabona ukuba iza kuhlaziya la ncoko yayikhe yabakho yokuba ingaba sisisizwe sesikulungele na ukulawulwa ngumntu ongumama, neyokuvinjwa kwabasetyhini indawo enesidima nendilisekileyo ebunkokhelini kumacandelo ngamacandelo ahlukeneyo.

Xa ndiqwalasela mna isuke yangathi kuninzi ukuhanahanisa kuthi bantu bangamadoda xa sithetha ngomcimbi wamalungelo nowokuphakanyiswa kwabasetyhini, phofu ingesithi sodwa sincediswa ngabanye abantu basetyhini.

Umzekelo, khawukhe ukrobe pha ezinkonzweni zamaKristu apho uninzi lwazo lusadla ngendebe endala yokuba umntu ongumama akanakushumayela okanye abengumfundisi ngenxa yesini sakhe.

Uyakufika ke aba bantu isengabo apho baxelenga khona, nakwezopolitiko abakhwaza batshe amazwi besithi amalungelo oomama mawaphakanyiswe. Uyabubona phofu ubunzulu boluhanahaniso?

Masikhe sisebenzise eli xesha, egameni likamama uWinnie ukuba sizigocagoce sinyaniseke ngokufuna kwethu inkululeko efezekileyo yomntu wasetyhini.

Masithembe ukuba ukuwa kwale mazi ibele libhongxileyo izakuba yimvuselelo yesazela sethu sisisizwe ukuba iinkokheli zethu zasetyhini zinikwe indawo, kwaye ziwongwe ngokufaneleyo ngendima eziyidlalileyo neziyidlalayo ekuphuhlisweni koluntu lonke.

Ndinawo nomnqweno wokuba nemanyano yamanina eANC iza kuphakama ithathe la ndawo yayo yokuba lilizwi elivakalayo lomntu wonke wasetyhini, ngokuba ke xa sithetha inyani asisavakali isingqi sale manyano, ukuba kutheni ke iyakwaziwa ngabo.

Phakama mntu ongumama, ixesha lifikile.