Andimntu wapolitiki namshumayeli woMgaqo-siseko, ngezizathu ezizezam ekubeni ngulo mntu ndinguye.
Kona ndimenzile ulozi-lozi emzabalazweni, nangona ndingazange ndidume, njengooxhentsenkunkumeni babazabalazi abaninzi ke.
Sasingamakhwenkwe akuJusefu angadlulanga eshumini ukuqala kwethu ukwenza imisadulo eyakhokelela ekusekweni kwesebe le-ANC kumhlaba wakuNgcengane kuTsolo. Saqala sisilwela ukubiwa kwemfuyo yoobawo ngamasela elali, eyitshintshisa kwamanye eelali ezikude. Sasisebenzisa izimbo namaqhinga e-ANC esasisiva ngawo koonomathotholo. Isela sasilithembisa ngomcinga netayala. Kwenzeka amasikizi ke kwiilali ezingabamelwane lelo futhe.
Sisaqhuba njalo, kwabuya amadoda awayesebenza ezidolophini ezinkulu, afika ayitshintsha imisadulo yethu yangumzabalazo wenkululeko. Sangenelwa nazezinye iilali ezikufuphi, satsho ngebathu elivisayo lolutsha.
Emveni koko, ngokuququzelelwa ngabanye bethu, kufike amadoda namankazana esingawaziyo ekhokelwa likroti lomfo. Babevela ngaseNgcobo xa babelandwa, kusithiwa basuka kwiMK. Agcinwa kwimizi ekufuphi nakomkhulu loo makroti, nangona yayingakholiseki nje inkosi yethu yelo xesha bubukho baloo genge apho. Yafika yasihlohla uqobo lomzabalazo, safundiswa iingoma ezintsha nomhobe wesizwe (hayi lo ukhoyo ke). Abo bafokazi batsho kwashuba kuNgcengane, abazali baxuxuzelelwa zizisu, nathi saziva sibambe amazinyo. Ndabona ngelo xesha ukuba uyenziwa umpu ngesandla ngumntu omnyama esebenzisa iplanga ukhuphe imbumbulu enokumdubula umntu afe.
Thina maqiqisholo, amaqaba sasiqale imisadulo sisilwela ukubiwa kwemfuyo sasele singasakhankanywa nakwenye into, sisemxukuxeleni njee, kukhonya zinkunzi zimbi. Nathi sasingahlutshwa nto kuloo nto, siyibona ukuba imeko ayisengangathi ngoku ifuna abaziyo. Kambe ke ubusela sasibulwe ngempumelelo bona, babuthe cwaka, wambi amasela ebhacile.
Maninzi ke amabali omzabalazo angaziwayo luninzi. Isiphumo sezoo nquleqhu ke yaba nguMgaqo-siseko omtsha. Ngezinto ezenzeka eburhulumenteni, ingakumbi ezakutsha nje ke, uninzi lwabantu luthi eli lizwe likwintlekele yoMgaqo-siseko. Mna ndiyakuphikisa oko. UMgaqo-siseko wethu usempilweni, kunjalo nje womelele. Ulawulo lwentando yesininzi lusebenza ngokupheleleyo, ngenkxaso yezopolitiko. Uluvo lwesininzi luyema nokuba lububudenge na. Umongameli angayintlekisa engummangaliso, kodwa ukuba isininzi siyakholwa bubuhiba bakhe uyahlala ke, igcuntswana lizibhije lincame, yidemokhrasi yokwenene ke leyo.
Phantse kuwo onke amazwe akhululekileyo, ingakumbi kwizwekazi i-Afrika, lo Mgaqo-siseko awunantanga. Kweli lizwe ikumkani nomongameli nejaji ngabantu, asingoThixo. Inkqubo yobulungisa yeli lizwe ilunge kakhulu, inkqubo ethethisa igwebe nejaji ngokwayo! Kweli lizwe umoni ukhuselwa njengelungisa! UMgaqo-siseko wethu uhlonipha nenja le yembala, nabantu bawo ke bawuhloniphile.
Usempilweni uMgaqo-siseko weli lizwe. Kunjalo nje awubonakali usemngciphekweni walo naluphi na uhlobo, ngaphandle kokuba kungasa ngenye imini siphambene soonke neejaji zenkundla yomgaqo-siseko zethu, siwuthathe ke siwubhekise amanqina phezulu.
Iingqeqe ezihlala zixwaxwa nantoni na engaqondakaliyo esondela ngakuMgaqo-siseko weli lizwe mazigcinwe ziphilile, amabhaku mawangazikrwitshi kuba zizo iintlola nookhala.
Ipolitiki ndiyiyeke kwisigaba sesibini sikaDlamini. Ndazibona ukuba andisenandima, ndashenxa ke. Oko ndingumbukeli ke ixesha eli, kunjalo nje ndihlupheka zizinto ezenziwa ngabapolitiki namhlanje, ngathi bazalw’ izolo bonke abayazi apho isuka khona le nkululeko.
Ndiqale nokuwubona iimbambo lo Mgaqo-siseko, ndaye ndiphelelwa nakukuwuthanda, kodwa ndiwuhloniphile. Lo Mgaqo-siseko ubashiye ngaphandle aBantu nangona waqulunqwa ngaBantu nje. Andazi nokuba abaqulunqi bawo baye bazihluba na ubuntu babo xa babewuqulunqa ukuze ungabi nayo nentsobi yoBuntu. Indlela yethu yokuphila yachithwa sanikwa engasilungelanga. Abantwana nemizi nemihlaba nemithetho zizinto esixakene nazo. Goba msenge iibhokhwe zikutye!
Owenu kwisiXhosa, Nxuba
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika iza kufika ngoLwesine