Ilungelo lokuya kuvota sisityalo sedemokhrasi

ILUNGELO lokuvota sesona sityalo sedemokhrasi yethu esibaluleke ukodlula.

Ukuqinisa inkululeko yethu esiyifumene nzima, ngokwakha idemokhrasi ngamaxesha onke, sesona sixhobo sibalulekileyo ukodlula nomzabalazo.

Isibhengezo esenziweyo sokuba unyulo loorhulumente basemakhaya luzakubanjwa ngomhla wesithathu kweyeThupha (August 03) lilizwi elisuka kwi-African National Congress (ANC) lisiya kubahlali lelokubakhuthaza ukuba badlale indima ebalulekileyo ingakumbi kwiindawo zethu zokuhlala nalapho sisebenza khona.

UMzantsi Afrika unowona mgaqo-siseko uqhwatyelwa izandla kwihlabathi jikelele. Icekwa lilele kuthi ukuba siqiniseke ngelokuzibandakanya kwinkqubo yovoto, sonyule iinkokeli ezikhethwe ngabantu futhi kwazona izezabantu.

Urhulumente wasemakhaya kulapho ilungelo lokuvota litshintsha libeziziphumo ezibonakala phaya kanye ekuhlaleni.

Kwiminyaka engamashumi amabini anesibini, i-ANC izise iinkonzo eluntwini futhi yakhusela ilungelo labemmi beli lokuvota.

Oku kwenziwe ngenxa yonyulo olukhululekileyo nolungenamkhethe oluqhutywa yiKomishoni yezoloNyulo eZimeleyo (IEC) yaseMzantsi Afrika.

Kule minyaka ingamashumi amabini anesibini yedemokhrasi urhulumente okhokelwa yi-ANC uwufunqule umxakatho wokusa iinkonzo eluntwini eqinisekisa ukuba uluntu lweli luyafikelela kwiinkonzo ezingundoqo, kwaye nobomi babo busemgangathweni.

Ukugxininisa ngendima kwanentatho-nxaxheba yaye wonke ummi waseMzantsi Afrika ekwakhiweni korhulumente wasemakhaya nasekuphuculeni iimeko zentlalo zoluntu, i-ANC sele iphumeze iphulo elibizwa ‘Sishoda Ngawe’ ngeenjongo zokunabisa umyalezo wokuba iintshukumo zaye nawuphi na ummi weli loMzantsi Afrika zibalulekile.

Iphulo iSishoda Ngawe yintlaba-mkhosi eya kubantu boMzantsi Afrika isisuka kwi-ANC ngelithi mabaqhubeke nokuhlonela iintsika ezenze eli lizwe ukuba liqhubele phambili.

Amanani abantu abathe babhalisela uvoto ayancumisa kakhulu. Ngokwengxelo ye-IEC, zizigidi zabantu abathe batyelela amaziko ovoto besiya kuqiniseka ukuba bakhona kuluhlu lwabavoti.

Eli nani liqabele ngaphaya kweliya besilibone ngonyulo loomasipala luka2011. Eyona nto incumisa nangakumbi, linani lolutsha olubhalisele uvoto.

Ngokuphuma ngobuninzi babo, abantu baseMzantsi Afrika, ingakumbi abantu abatsha, benza oku ngenxa yokuba babonakalisa ukuyithemba inkqubo yovoto njengesixhobo sokwakha imeko yentlalo abarhalela ukuhlala phantsi kwayo kweli lizwe.

Babonakalisa (abantu baseMzantsi Afrika) ukuyitshabalalisa into ethi kukho abantu abangenamdla wokuvota futhi abangakhathelanga nokuba ililawulwa njani eli lizwe.

Impumelelo yamaphulo okubhalisela uvoto sisiqinisekiso sokuba abantu baseMzantsi Afrika abalahlanga themba kwindlela esebenza ngayo inkqubo yezolonyulo kweli. Ngaphandle kwako konke, abantu bayabona ukuba ivoti yabo sisixhobo sotshintsho.

Iphulo uSishoda Ngawe lilizwi eliya kubantu boMzantsi Afrika ukuba babeyinxalenye yethu njengorhulumente olawulayo, oonkqubo zawo zisekezelwe kutshintsho lwempilo yoluntu.

Umbutho we-ANC usaqhubeka nokuba likhaya lezopolitiko labantu boMzantsi Afrika abazimele ukwenza utshintsho kwiimeko zentlalo kwanakwiintsika zomakulinganwe nokunga- calucalulani.

Umbutho we-ANC ivulelekile kuye wonke ummi weli owuhlonelayo umgaqo-nkqubo, umthetho-siseko, kwaneenkqubo ezijolise ekwenzeni ngcono iimeko zoqoqosho kwanepolitiki.

Kwixesha apho uqoqosho loMzantsi Afrika kwanelehlabathi ngokubanzi luphantsi koxinzelelo, sijongene noxanduva lokwakha uMzantsi Afrika ongcono lo gama sikwinkqubo yokuqubisana nendlala, ukungalingani, intswelo-ngqesho kwanophuhliso olunganabiyo.

Urhulumente okhokelwa yi-ANC uyaluqonda uxanduva lokuqinisekisa ukuba iinkonzo ziyaya eluntwini. Siyakwazi ukwenza ilizwe lethu elingcono xa sisebenza nabantu beli loMzantsi Afrika abakulungeleyo ukwenza eyabo inxaxheba.

Nanjengoko unyulo loomasipala sele lisaziwa ukuba lizakubanjwa ngeyeThupha, thina siyi-ANC simemela kubo bonke abemmi boMzantsi Afrika ukuba basebenzisane norhulumente khon’ ukuze sibe nelizwe elingcono lomntu wonke – Sishoda Ngawe.

UDuarte ngusekela-nobhala weANC kuzwelonke