ILUNGU leDA kwindlu yowiso mthetho yeMpuma Koloni eseBhisho, lityhole ingqonyela yesibhedlele saseKatikati ngokulalela ukuba liqhube uhlolo kwesi sibhedlele.
UCeleste Barker ongangumphathiswa wezempilo xa kunokulawula urhulumente weDA, utyelele kwesi sibhedlele emva kweengxelo ezithi urhulumente weMpuma Koloni uzakusithoba sibe kumgangatho wekliniki.
“Ndicele i-ofisi yengqonyela ndakhonjwa kwi-ofisi ebhalwe uZL Stephens, emnyango ondixelele ukuba andivumelekanga ukuba ndibe kula masango. Ndililungu lePalamente yeli phondo, ndijongene nezempilo, ndinelungelo lokungena nakweliphi iziko lezempilo xa ndiyokwenza umsebenzi wam waseburhulumenteni.”
Uthi abasemagunyeni kwesi sibhedle bayalele oonogada ukuba bamkhuphele ngaphandle. “Ndalile ukukhutshwa ngoonogada, ndiqhubekile nokwenza umsebenzi wam.”
Ukanti isebe lezempilo lithi akukho bunyani kwiingxelo zokuba lisithoba umgangatho isibhedlele saseKatikati.
Isithethi seli sebe uSiyanda Manana uthe: “Asisetyenziswa ngokupheleleyo esi sibhedlele, kumashumi amathathu anesithathu eebhedi ezikuso, zingaphantsi kwesiqingatha ezisetyenziswayo ngonyaka.” Ukwathe kukho ikomiti yabahlali eqhuba uthethathethwano ngemeko yesi sibhedlele.
Ukwathe belingena lungelo lokutyelela isibhedlele lihamba lodwa ilungu leDA, nelixelelwe ukuba alamkelekanga.
“Kukho ikomiti yezempilo, yiyo etyelela izibhedlele, nathi sinika ingxelo kuyo silisebe, akukho lungu elinokuvele lizikhethe, lihambe nje lodwa lityelele isibhedlele,” utshilo uManana.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates