IMafikizolo ibhiyozela iminyaka engamashumi amabini

UNhlanhla Nciza kwakunye nogxa wakhe uTheo Kgosinkwe beqela elaziwayo iMafikizolo ngethuba betyelele eMonti umfanekiso: Siyanda Zakhe

Iqela elaziwayo leAfro-Pop iMafikizolo kulo nyaka libhiyozela ukugqiba iminyaka engamashumi amabini liqhuba emculweni. Eli qela lidize oku ngethuba belisazisa ngecwecwe lalo elitsha elingekaphumi elithi “Kacheza” eMpuma Koloni.

IMafikizolo liqela elineemvumi, uNhlanhla Nciza kwakunye noTheo Kgosinkwe nasele bephumelele iimbasa ngomculo wabo. Abadumanga ngomculo kuphela, kodwa nangohlobo abajayiva ngalo, kwanefashoni.

Eli qela likuqinisekisile ukuba nakulo mjikelo bazakugqwesa ukogqitha leyo ibithandwe kakhulu ethi “Khona”. Bakwathi baqokelela uhlobo lokwenza ezo badume ngazo kwamanye amazwe aseAfrika.

Ukanti basichazele imfihlo yabo ebagcine beseleli qela kude kube yiminyaka engamashumi amabini.

“Oku kwenziwa luthando esinalo ngeqela lethu kwakunye nemibono esinayo ngeMafikizolo. Xa ninombono omnye kwanephupha elinye ukutsala-tsalana okunokude kukhokelele ukuba siqhawuke phakathi akubikho. Kusekuninzi esifuna ukukuphumelela nokukwenza sileli qela sisebenzisana. Sifuna ukushiya imbali ngathi,” utshilo uNciza.

Eli qela lithi ngoku lifuna umculo walo udlalwe koonomathotholo kwanoomabonakude bamazwe angaphandle. Bakwathe bafuna ukulandela ekhondweni likaBlack Coffee, kwaneBlack Mambazo.

OkaKgosinkwe yena uthi, akuthethwa nto zimbi ngabo kumaphephandaba abhala ngokungaziphathi kakuhle koosaziwayo, kuba baziphethe kakuhle, belandela indlela abakhuliswe ngayo. Uthi, okubalulekileyo kukuzazi ukuba uvelaphi kwaye ukhuliswe njani.

Icwecwe elitsha bathi basalipheka, kulindeleke ukuba liphume kwinyanga yokuqala kunyaka ka-2017. IMafikizolo ikwazimisele nokuvelisa iDVD eshicilelwe beseqongeni (Live DVD) okokuqala ezimbalini nabajonge ukusebenzisana neemvumi zangaphandle.

Ngokombulelo wabo bazakuqhuba iikhonsathi mahala eluntwini ngeenjongo zokubulela uluntu ngenkxaso ngale minyaka mingaka bayigqibileyo.

UKgosinkwe uthi waqala esekwiminyaka elula ukujayiva emaqongeni kwiminyhadala eyayithanda ukubanjwa kwilokishi yakhe apho bathi badibana khona noNhlahla.

Ingoma yeMafikizolo ethi “Kacheza” okwangoku ifumaneka kumnatha wonxibelwano.