Imeko imaxongo kwixhegwazana laseFort Grey eMonti uNothembile Nondindi Mkwelo, ongakhathalelwanga ziintombi zakhe ezimtyela imali yakhe yendodla ngenxa yokuthenga utywala.
Umhlali oxhalabileyo uNomelikhaya Kondile uthi, waya koonontlalontle eMonti ekupheleni konyaka eyokubika imeko kaMkwelo, kodwa igosa elamamkelayo elingunontlalo-ntle lathi lakugqiba ukumamela esi simanga lathembisa ngokuba liza kulandela ukuya kubona imeko kaMkwelo xa kuqala unyaka ka2017, kodwa kunanamhlanje abakafiki.
UMkwelo uhleliswe kakubi ziintombi zakhe ezimbini ebezikade zinekhadi lakhe zisitya imali kanina etywaleni. Uthi ngethuba efuna ikhadi likaMkwelo ngeenzame zokumsindisa ekutyelweni imali zaye zamthuka iintombi zakhe zisithi ufuna ukuyidla ngokwakhe le imali. Wancedwa kukuya namapolisa ukuyo kulanda ikhadi kwiintombi ezo.
“Bendikade ndimsa ngemali yam uMkwelo kwagqirha, ndamqeshela nesitulo sokuhamba kuba engasakwazi ukuzihambela ngenxeni yesifo sokufa icala.”
Ixhewukazi eli kuvakala ukuba belikade lixhatshazwa nangezesondo xa belimana lishiyeka lodwa etyotyombeni.
“Ukuze ndibe ndimhlalisa kwam, ndikhonza naye, kwaye ndabona nemeko le akuyo kuba wayeyedwa. Ndafika ephelile yindlala kwabe kungekho nesitovu into ebonisa ukuba akusaphekwa kweli khaya,” utshilo uKondile.
Intombi endala kaMkwelo ebizwa ukuba nguNonkangeleko ayikhange ifumaneke kwityotyombe lakowayo.
Ukanti uAubrey Ngoqo nokhathalele iimpilo zabantu, kwiveki ephelileyo uye wolula isandla kweli khaya nalapho aye wasa iipasile zokutya emva kokuncedwa yivenkile yakwaBoxer.
“Ndathi ndakuva ngemeko kamakhulu lo ndanqwenela ukuyo kuzibonela ngawam amehlo. Zange ndithande, ndavakala ndizibuza ukuba ingaba oonontlalontle bethu bakho kwisini na?” kutsho uNgoqo.
Isithethi sesebe lentlalontle ephondweni uMzukisi Solani, udize ukuba uza kuyiqwalasela le nyewe yeli xhewukazi.
Kula matyotyombe aseFort Grey kugcwele ulutsha oluchitha ixesha lalo etywaleni kuquka nabantu abadala.
IMasimanyane ikhuthaza ibhola ekhatywayo kumantombazana ngeenzame zokulwa iGBV