IMamelodi Sundowns iquthisiwe kwakhona yiCape Town City

ULeboganga Manyama eswantsulisana noTiyani Mabunda kumdlalo wePSL obuse-Athlone Stadium. Umfanekiso: Backpage Pix

Ekugqibeleni, iMamelodi Sundowns ide yabethwa. ICape Town City yenze edume ngazo namhlanje ngethuba ibetha iDowns ngo’1-0 kumdlalo wePSL obutak’iintlantsi e-Athlone Stadium – ebimumathe abantu abangaphaya kweshumi lamawaka ngobu busuku. Igowuli elenze umahluko lize nenkathazo – uLebogang Manyama kwisigaba sesibini somdlalo. IDowns igoduka intywizisa emva kokuyeka intaphane yamathuba acacileyo emva kokuhlakaza udonga lweCitizens izihlandlo eziliqela.

Njengoko bekulindelekile, umdlalo uxhome zisuka ngenxa yokunxanelwa amanqaku apheleleyo. Liqela likaPitso Mosimane, iMamelodi Sundowns, elifumene amathuba acacileyo kwisigaba sokuqala. UPercy Tau, uSibusiso vilakazi noThemba Zwane bebeyiphethe mantsantsa phaya emva iCape Town City – kodwa ngenxa yokungxama kwabo maxa wambi – abakwazanga ukusebenzisa amathuba acacileyo. Kwelinye icala iDowns ikwazile ukukhonkxa uLebogang Manyama – oyena mdlali oyingozi kwibhola yoMzantsi Afrika kwezi ntsuku. Umdlalo ubulawulwa yiSundowns kwaye ukuba izinto beziyihambele kakuhle, ngeyifumene nokuba ngamagowuli amabini. Ayidlalanga kakubi nayo iCitizens ngoba ikwazile ukubabamba abadlali beSundowns neebhola zabo ezikhawulezayo. UTiyani Mabunda nguye indoda ebichaka iibhola esiswini futhi iziqhawula ezijoliswe kwiqela lakhe. Kuyiwe kwixesha lokuphumla lingekho elifake igowuli.

Umdlalo uthande ukuba kwelinye inqanaba kwisigaba sesibini ngoba kuye kwacaca ukuba omabini afuna impumelelo. iqela ebelidlalela ekhaya lilo eliqhufuze iqanda ngebhola kaKapteni – uManyama, othande ukuthi kratya kunabanye abadlali ngoku ngoku kwicala lokufaka amagowuli. Khange iyekelele iDowns, ihlasele kakhulu – kodwa ayikwazanga kwade kwasekugqibeleni ukusebenzisa amathuba nangona ibesenza iimpazamo emva iCape Town City. Ngoku iqela lika-Eric Tinkler lithe ngcu phezulu kwiPSL emva kokuquthisa iSundowns enkundleni yayo eKapa.

Kwelinye icala, iBidvest Wits ivuthulele iBloemfontein Celtic ngo’3-1 kumdlalo wePSL obubanjelwe eBidvest Stadium kobu busuku. Amagowuli weWits afakwe nguKapteni uThulani Hlatshwayo, uBuhle Mkhwanazi noGabadinho Mhango.

Yona iChippa United ibethwe yiPlatinum Stars ngo’2-1 kumdlalo obuseRoyal Bafokeng Stadium. IiChilli Boys zitsazise igazi kuqala kwisigaba sokuqala somdlalo ngebhola efakwe nguLerato Manzini. kwisigaba sesibini iDikwena ibuye ngamandla yafuma amagowuli amabini afakwe nguRobert Ngambi noBenson Shilongo.