Oosekela baphathiswa ababini, owezonxibelelwano uStella Ndabeni-Abrahams kunye noThoko Xasa wezokhenketho, bachithe imizuzu engama-67 kwisibhedlele iNelson Mandela Academic eMthatha.
Kolu tyelelo, abasekela baphathiswa bamkelwe yingqonyela yesibhedlele uNkskz. Nomalanga Makwedini kunye nogxa wakhe waseMthatha Regional Hospital. Ngaphambi kokuba baqale umsebenzi wokuchitha imizuzu yabo, uMakwedini uthethe nabo ngemibono yesi sibhedlele. Phakathi kwaloo mibono kukukhulisa esi sibhedlele ukuze sibeku mgangatho wezinye izibhedlele ezikhulu ezikhoyo eMzantsi Afrika.
Uthethe ngokuvulwa kwecandelo lotyando lwendlebe iCochlea Implant.
UMakwedini uthi oku akuzo kuthatha xesha lide kuba sele beqalile namalungiselelo okuvula igumbi elincedisana nabantwana abenziwe olu tyando. Uthi iCochlea Implant izakuba luncedo kubantwana abahluphekayo, nanjengoko abantwana bale ngingqi abazakwenziwa olu tyando bengasayi kuthunyelwa eStellenbosch.
Kusenjalo, esi sibhedlele sikwiphulo lokuvula icandelo le-Oncology ukujongana nezigulana zomhlaza.
UMakwedini uphinde waxelela oosekela baphathiswa ukuba esi sibhedlele asinalo igumbi labantu abadala abatshileyo, nto leyo ibangela ukuba abantu abanamanxeba okutsha bathi bathunyelwe eMonti.
UNdabeni-Abrahams uthe bavile kwaye bazakuqinisekisa ukuba esi sibhedlele sihlala sikwizinga eliphezulu.
Emva koko abasekela baphathiswa bamkele izipho ezisuka kwiinkampani zabucala egameni lesibhedlele.
Inkampani engumnikazi weBT Ngebs Mall – iBillion Group kunye nabakwa Debonairs bagide ngezimuncu-muncu kwigumbi labantwana kwesi sibhedlele.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?