Imanyano yamapolisa iPOPCRU ifuna kuqiniswe ukhuseleko lamapolisa

Ongasekhoyo uWarrant Officer Dalibandla Qokoyi obengumphandi wooKhetshe, nodutyulwe wabulawa eMandela Park eMthatha kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Uthunyelwe

IGunyabantu lezoTshutshiso eMpuma Koloni limemelele ukuba amatyala ebephandwa ligosa lamapolisa kwibutho looKhetshe elingasekhoyo uDalibandla
Qokoyi abekwe phambili,  anikwe ingqwalasela.

Oku kuthethwe ngusekela mlawuli kwezotshutshiso uMzukisi Siyo kwinkonzo yokugxwala emswaneni kaQokoyi osweleke enamashumi amahlanu anesithoba ubudala emva kokuhlaselwa kokuhlaselwa ngokudutyulwa abulawe kubusuku bangoLwesithathu kwiveki ephelileyo engena kwindawo ahlala kuyo eMandela Park eMthatha. 

UQokoyi ibingumphandi onamava kooKhetshe, kwaye ukudutyulwa kwakhe abulawe koyanyaniswa netyala elinobuzaza ebeliphanda, lokuxhonyiswa kwesithuthi esiphatha imali kuTsolo, nekwadutyulwa kwabulawa unogada kunyaka ophelileyo.

Ubulewe nje kwiiyure ezimbalwa emva kokunika ubungqina kwinkundla kaMantyi kuTsolo apho ebechasa isicelo sebheyile sabarhanelwa abarhanu abajongene nezityholo kwelityala.

USiyo uthe umthetho kufanele ukuba ubonise abophuli
mthetho abahlasele babulala uQokoyi okokuba
abalazanga eliwinayo emva kolu hlaselo.

“Nangona sisothukile kukubulawa kweli polisa kodwa oku
akuzubanamfutho kumatyala ebewaphanda. Zonke iinkcukacha zamatyala
ziyatshicilelwa, abenzi besisiganeko abalazanga eliwinayo ngesenzo sabo,” utshilo uSiyo.

Ukanti ooKhetshe kweli phondo bathi abazuphumla de babanjwe ababulali bakaWarrant Officer
Qokoyi. 

“Sizoqinisekisa ukuba abophuli mthetho
bayabanjwa bavalelwe ukuze baphendule ngesenzo sabo. Sizoqinisekisa ngokwenziwa
kobulungisa kusapho logxa wethu ongasekhoyo, amapolisa makasoloko ejonge
ukhuseleko lwayo ngamaxesha onke,” uthethe watsho
uSonwabiso Mboniswa osuka kwi-ofisi yooKhetshe kweli phondo.

Nemanyano yamapolisa nabagcini mabanjwa
neentolongo iPOPCRU imemelele ukuba kuqiniswe ukhuseleko kumapolisa.

UNangamso Ngcangula obethethela iPOPCRU uthe, “Sele ifana nesiqhelo into yokubulawa
kwamapolisa kungabanjwa mntu. Abahlali mabachaze eziziganeko emapoliseni
ukuthintela ukwanda kwalo mkhuba. Isizwe siphantsi kohlaselo ngamandla
ingakumbi xa kubulawa amapolisa anamava njengeli gosa.”

Nenkosi yaseMandela Park
uJonas Ndzambule ukhuthaze ukuqiniswa kokhuseleko ngakumapolisa aphanda amatyala
anobuzaza. UQokoyi u
zakungcwatywa ekhayeni lakhe kuQumbu ngoMgqibelo wale mpelaveki.