IMasimanyane ikhuthaza ibhola ekhatywayo kumantombazana ngeenzame zokulwa iGBV

ULelethu Nguta ekunye nabadlali bebhola ekhatywayo bamaqela awohlukeneyo eBCM. UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

Abantwana abangamantombazana bayibona iyinto enomodla mva nje into yokudlala ibhola ekhatywayo.

Ibhola ekhatywayo ngaphambili ibikade iyinto eyaziwa ngokuba yinto edlalwa ngabantwana abangamakhwenkwe kuphela, kanti ngoku umdla ukhula nangakumbi kubantwana abangamantombazana abadlala ibhola ekhatywayo.

Oku kuvele ngethuba iMasimanyane Women’s Rights International (MWRI) iphehlelela inkqubo yayo ye-‘Ibhola Ekhatywayo Ngamantombazana’ ngeenjongo zokulwa kwanokukhwebula abantwana kwizenzo zeGBV, eICC eMonti ngoLwesithathu.

OnguMlawuli weMWRI, uGqirha Lesley Ann Foster, uthi baphakathi kweminyaka eli13 ukuya kweli18 abantwana abangamantombazana kwaye injongo kukubanika isakhono sokudlala ibhola ekhatywayo kwanokubalola ubunkokheli. Uthi ikwazinzame zokubasusa kwizinto ezimbi ekuhlaleni, babenento abaxakeke yiyo nokulwa iGBV ekuhlaleni.

UFoster ukwabalule ezona ndawo zinezinga eliphezulu ngezenzo zeGBV abaziqapheleyo ezilithoba (9) neziphantsi kweBuffalo City.

UAllan Williams, uMlawuli weSport for Social Change Network SA, uthi ayikho into eyodlula ezemidlalo. Uthi ezemidlalo zinamandla kakhulu kuba zenza ubumbano. Uthi iMasimanyane yenza utshintsho kwiMpuma Koloni iphela. Ukwaqhwabele izandla iMasimanyane ngokuthi ibandakanye abantwana abaselula abangamantombazana kwezemidlalo.

UMlawuli weNkqubo, uLelethu Nguta nowayengumdlali weqela lesizwe lamantombazana iBanyana Banyana, uthi oku ziinzame zokubona amanani eGBV esehla kwaye namatyala odlwengulo esehla.

“Sisebenzisa ibhola ekhatywayo yamanenekazi njengesixhobo sokulwa iGBV. Ngale nkqubo siyenzayo, sifuna ukubona utshintsho olumangalisayo. Asibabizi ukuba badlale nje ebaleni abantwana – kuninzi esikwenzayo, kwaye sele zintlanu izikolo esele siye kuzo sifundisa apho abantwana sibanika izakhono kwaye sibaxhobisa kuba singafuni bazibone bengamaxhoba. Sikwabafundisa nokuba benze njani xa begaxeleka kwiimeko zeGBV,” utshilo uNguta.

UNguta uthi abajonganga kubantwana abangamantombazana kuphela, nabangamakhwenkwe bakhona kule nkqubo bebafundisa izinto ezibangela iGBV kwaye nokuba bangaziguzula njani.

Ngolu suku kukwawongwe nabantwana abaqhube kakuhle kwezemidlalo – abantwana abaphuma eBCM nabaphantsi kwale nkqubo yeMWRI.

USinothando Mahodi (13) nowenza uGrade 7 eNontuthuzelo Primary School eDuncan Village nonguKapteni weLion Strikers, nongomnye wabathe bawongwa, uthi, uqale ukudlala ibhola ekhatywayo esitratweni esemncinci nabantwana abangamakhwenkwe eyibukela nakumabonwakude kwaye kwakhula ukuyithanda nangakumbi.

UAmyoli Ngqiva (13) naye onguKapteni, uthi, ibhola ibenza bacinge khaphukhaphu, ibenza khaphukhaphu ingqondo, kungoko kungasoze kubelula ukuzibona begaxeleka kwiziyobisi. Kwaye uthi oku kunceda nokudibana nabanye abantwana angabaziyo kwaye bakhe ubudlelwane, bafunde into kubo.

Babebaninzi abantwana abathe bawongwa ngokuziqaqambisa kwabo kwezemidlalo.