Imbalela eAmathole iyakupheliswa ngeR944 million

Abahlali basedolophini eDutywa bavuka benze uludwe belinde amanzi ezitrakhini, bambi bewakha kwiindawo ezimdaka IMIFANEKISO: ITHUNYELWE

AMADAMA nezadunge zomile, abantu bayambuyaza, imfuyo iyafa, izityalo zitsha lilanga.

Le yindlela ubani angayichaza ngayo imeko yembalela egquba kuMasipala weSithili waseAmathole.

Lo masipala waseAmathole wenziwa ngoomasipala basekuhlaleni iNgqushwa, Mnquma, Mbhashe, Great Kei, Amahlathi neRaymond Mhlaba.

Kutshanje lo masipala ubhengeze ukuba iBhofolo iza kuzibona ingenalo nethontsi lamanzi kuba ubanga ngelithi awusakwazi kudontsa amanzi asuka kumlambo iKat.

Kwimbalelwano lo masipala uthe usenzile isicelo sokuncediswa kwiSebe lezaManzi kodwa amanzi bekusenzima ukuba afikelele koompompi baseBhofolo.

NaseGcuwa liculo elinye, idama laseGcuwa lome kroqo. Umasipala uthi uzamile ukomba amanzi aphantsi komhlaba, iBorehole, kufuphi neli dama laseGcuwa ngaphandle kwempumelelo.

EDutywa edolophini, ingxaki ithande ukuqatsela. Abantu bakha amanzi kwizadunge ezimdaka, ezigcwele inkunkuma nto leyo ebeka emngciphekweni iimpilo zabo.

Uceba weUDM eMbhashe, uNkosinathi Ndlodaka, uthi imeko imbi kakhulu eDutywa.

“Imbi into esedolophini eDutywa. Abantu basemngciphekweni wokosulelwa zizifo ngenxa yokuba bakha amanzi amdaka. Okunganiki themba kukuba uMasipala waseAmathole akasiniki nkqubo ecace gca yokuqubisana nale ngxaki,” utshilo uNdlodaka.

Umhlali waseDutywa uSanele Maqongqo, uthi xa ungenamali yokuthenga amanzi asezimbombozini evenkileni, usemngciphekweni wezifo eDutywa.

“Nalo manzi aza nomasipala waseAmathole ngeetrakhi, xa bethandile, asikwazi ukuwathemba kuba asiwazi ukuba athathwa phi. Kunzima kumntu ongenamali kule dolophu, kufuneka uyokukha loo manzi amdaka uthanda ungathandi.”

Kwimbalelwano lo masipala uthi ingxaki yembalela eAmathole iza kufuna imali engangeR944 million ukuze isonjululwe.

Lo masipala ukwabhengeze ukuba uxakekile efuna inkxasomali kwikomishini kaMongameli Cyril Ramaphosa (Presidential Infrastructure Coordinating Commission), ukuze kwenziwe isiza samanzi eNgqamakhwe.

La manzi waseNgqamakhwe aza kuthathwa kumlambo iTsomo kwaye aza kunceda uMasipala waseMnquma.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za