Imbali ngamaBhele akwaTetyana eDutywa

IBhele lakwaDlambulo: Eli Bhele lakwaDlambulo lizalwa nguKhuboni. UBhele uzele uLanga; uLanga ozala uKhuboni; uKhuboni uzele oonyana abathathu abangaba: uMafu owokuqala; uLutshaba ukunene noDlambulo owesithathu. Le ndlu inkulu kaDlambulo yaqhekeka kuyise uKhuboni nakubantakwabo abanguMafu noLutshaba yaza yazibiza ngokuba ngamaBhele akwaDlambulo. La maBhele akwaDlambulo akwabizwa ngokuba ngamaBhele aseMbuthweni, kuba indlu yakowabo yesithathu yayibizwa ngokuba yiMbutho.

IBhele lakwaMnomane: Le ndlu iphuma kuDlambulo. Nayo le ndlu ibizwa ngokuba yeyaseMbuthweni. UBhele uzele uLanga; uLanga ozala uKhuboni; uKhuboni uzele oonyana abathathu abangaba: uMafu owokuqala; uLutshaba ukunene noDlambulo owesithathu. Le ndlu inkulu kaMafu yaqhekeka kuyise uKhuboni nakubantakwabo abanguyaza yazibiza ngokuba ngamaBhele akwaMafu. UDlambulo uzele uMnomane endlunkulu waze wazala uBikane ekunene. UMnomane kunye nabafazi bakhe nenzala yakhe bazahlula kuyise uDlambulo nakumntakwabo uBikane waza wadala indlu ekuthiwa ngamaBhele akwaMnomane.

IBhele lakwaBikane: Le ndlu iphuma kuDlambulo. Nayo le ndlu ibizwa ngokuba yeyaseMbuthweni.UBhele uzele uLanga; uLanga ozala uKhuboni; uKhuboni uzele oonyana abathathu abangaba: uMafu owokuqala; uLutshaba ukunene noDlambulo owesithathu. Le ndlu inkulu kaMafu yaqhekeka kuyise uKhuboni nakubantakwabo yaza yazibiza ngokuba ngamaBhele akwaMafu. UDlambulo uzele uMnomane endlunkulu waze wazala uBikane ekunene. UMnomane kunye nabafazi bakhe nenzala yakhe bazahlula kuyise uDlambulo nakumntakwabo uBikane waza wadala indlu ekuthiwa ngamaBhele akwaMnomane. UBikane naye wazimela wadala amaBhele akwaBikane.

IBhele lakwaMadiba: Le ndlu iphuma kuMafu. UBhele uzele uLanga; uLanga ozala uKhuboni; uKhuboni uzele oonyana abathathu abangaba: uMafu owokuqala; uLutshaba ukunene noDlambulo owesithathu. UMafu uzele uMamba; uMamba wazala uDibandlela. UDibandlela wathi waziguzula kuyise yena nabafazi bakhe noonyana bakhe baza badala indlu ekuthiwa liBhele lakwaMadiba.

AmaBhele akwaNyathi: Le ndlu kaNyathi iphuma kumaBhele akwaMadiba. Le ndlu iphuma kuMafu. UBhele uzele uLanga; uLanga ozala uKhuboni; uKhuboni uzele oonyana abathathu abangaba: uMafu owokuqala; uLutshaba ukunene noDlambulo owesithathu. UMafu uzele uMamba; uMamba wazala uDibandlela. UDibandlela wathi waziguzula kuyise yena nabafazi bakhe noonyana bakhe baza badala indlu ekuthiwa liBhele lakwaMadiba. Omnye woonyana bakaMadiba uNyathi, ngulo wadala lendlu kuthiwa ngamaBhele akwaNyathi.

IBhele lakwaNtshangase: Eli Bhele liphuma liphuma kuDlambulo. UBhele uzele uLanga; uLanga ozala uKhuboni; uKhuboni uzele oonyana abathathu abangaba: uMafu owokuqala; uLutshaba ukunene noDlambulo owesithathu. Le ndlu inkulu kaDlambulo yaqhekeka kuyise uKhuboni nakubantakwabo abanguMafu noLutshaba yaza yazibiza ngokuba ngamaBhele akwaDlambulo. La maBhele akwaDlambulo akwabizwa ngokuba ngamaBhele aseMbuthweni, kuba indlu yakowabo yesithathu yayibizwa ngokuba yiMbutho. Omnye kubantwana abangoonyana bakaKhuboni nguNtshangase. Ngulo waqhekeka kuyise waza wadala indlu ekuthiwa ngamaBhele akwaNtshangase.

AmaBhele akwaDongo: Le ndlu iphuma kumaBhele akwaNyathi. Le ndlu kaNyathi iphuma kumaBhele akwaMadiba. Le ndlu iphuma kuMafu. Ibali ngeli Bhele lakwaMadiba lithi: UBhele uzele uLanga; uLanga ozala uKhuboni; uKhuboni uzele oonyana abathathu abangaba: uMafu owokuqala; uLutshaba ukunene noDlambulo owesithathu. UMafu uzele uMamba; uMamba wazala uDibandlela. UDibandlela wathi waziguzula kuyise yena nabafazi bakhe noonyana bakhe baza badala indlu ekuthiwa liBhele lakwaMadiba. UMadiba omnye woonyana bakhe nguNyathi, ngulo wadala le ndlu kuthiwa ngamaBhele akwaNyathi. UNyathi uzala uDongo lo udale le ndlu kuthiwa ngamaBhele akwaDongo.