Imbali ngamaTipha nooMsimango

Aba bantu ngabomlibo wooNoqhakancu, amaLawu okanye ke ngelinye igama ngamaChwama. Kwaphambi komnyaka u1488 aba bantu babeme kumhlaba ophakathi kolwandle lwaseKapa ukuya kuqhina ngeMozambique. Babehlala kumhlaba ogudle ulwandle. Babengabafuyi beenkomo ezaziwa ngokuba ziiNguni, nezibizwa ngokuba yimigqutsuba ngokolwimi olusetyenziswayo kwezi mini, kuba zingavelisi nyama eninzi nalubisi luninzi olunokuthi luthengiswe ngumfuyi.

Intlalontle yabo yadutywadutywa ngoomatiloshe beenqanawe zabaPhuthukezi. Kukho iqela labeLungu elalisuka kwelabaPhuthukezi elalimana liqhekekelwa ziinqanawe phaya ngakule ndawo kuthiwa yiPort St John’s emaMpondweni baze abo beLungu baphume elwandle beze apha emhlabeni.

Uninzi lwabo lwaluye lusebenzise ubuchule bokufuna indlela eya eMozambique ngolwazi lwe ‘compass’ luze luhambe luqhatha amaLawu lithenga iinkomo zawo ngeenjongo zokuxhela.

La maPhuthukezi ade amisa inqanawa yawo yokuqala kwindawo ekuthiwa yiSt Helena babekhokhelwe ngumLungu ekuthiwa nguBarthalemow Diaz.

Ngenxa yokukhusela iinkomo zabo kwaba beLungu aba bantu bangamaTipha bathi bazibalekisa kufutshane nolwandle bangena nzulu apha emhlabeni.

Iintombi ezininzi zamaTipha namaGqwashu zendela ebeLungwini kwatsho kwavela isizwe samaQheya (coloureds); abanye abantu abaninzi bathi baginywa sisizwe samaXhosa baze babangamaXhosa.

Aba bantu ke xa benqulwa kuthiwa ngoo: Tipha, Bayeni, Manzi, Lusiba, Tshewu, Vaba, AmaLawu!

AmaTipha akwaMajiki: Phaya Phonoshono kweNciba kwindawo ekuthiwa yiQhagqiwa kukho amaTipha akwaThu namaTipha akwaMajiki.

Abazi beembali bathi, uMajiki ngunyana omkhulu kwindlu enkulu kaThu, umninawe wakhe nguMlebe oonguyise wooFumani, nabanye njalo njalo. Bobabini uMajiki noMlebe bazalwa yintombi yasemaGqwashini. Kuthiwa kukho impazamo yokuba uMajiki akakho mnye noThu.

Xa kubongwa uMajiki kuthiwa: Tipha, Bayeni, Manzi, Lusiba, Tshewu, Vaba, Lawu,Majiki silunga sikaThu.

Xa kubongwa uMlebe nozibiza ngoThu kuthiwa:Tipha, Bayeni, Manzi, Lusiba, Tshewu, Vaba, Lawu, Mlebe, Ibobo elifuze uThu ngobuxhonti, Ugag’ olumpemvu lwasesitalini, Umtya ongqongqo wakuloThandabo, Owowuncwela wowukhangumeza, Themba liso uzawubona, Themba ndlebe uzawuva, Themba mqal’uzawaginya, Themba zinyo uzawuhlafuna, Ngen’emaTipheni yabalek’indlala!

Ngamani amaMsimango?

Aba bantu ngabaThwa ngemveli, bangabantu bokuqala ukusebenzisa izindlu zangasese. Aba bantu babesakuma kwezaNtaba zaseLusuthu naseFreyistata mandulo.

UXaba wasemaHlubini wampeleswa sesi sizwe samkhulisa wade waba mdala saze emva koko sambuyisela emaHlubini. Singene ngelo xesha emaHlubini.

Xa bebongwa bathiwa: Msimango, Msuthu, Songo, Nomngci, Nothabizolo,Nokhuko lomhlanganiso, Nonyel’enkcenkceni, Sebelele, Nombutho, Abathenga ubuthongo ngenkabi emdaka, Oonodela kufa, UMsimango phela angazal’ uNonkosi somangala, AbakwaNombombozinde. AbaThwa beziduli, Abahlanganisa izigcantsi!

Omnye umntu wathi xa ebonga aba bantu bakwaMsimango: NgabakwaMsimang kwaNothabizolo, KwaNonxas’uyakhathala, UMsimang phela angazal’ uNonkosi somangala, NgabakwaNombombozinde abaThwa beziduli, Ngabahlanganisa igcantsi lakwaDlomo, Ngabakwamfazi’omabele made, Omunyisa ingane ngaphesheya komfula!

Aba bantu kuthiwa bangabantu bokuqala ukusebenzisa izindlu zangasese zasemLungwini. Yiyo kanye loo nto kusithiwa ngo ‘Nonyelenkcenkceni’. Kaloku mandulo umzi oNtsundu wawuyithiyile into yokunyela endlwini, usithi loo nto yinto yamagqwirha abeLungu.

AbaNtsundu babengayithandi into yokuqokelela ilindle labo ndawonye kuba babenenkolo ethi abantu bangathakathwa ngamagqwirha athathe elo lindle alisebenze ngamayeza amdaka okuloya nokubekela, aze umntu azibone sele enesifo esinganyangeliyo selumbu.

Umzi oNtsundu wawukholelwa ekuthini umntu xa esiva ilindle limtshisa makahambe aye kuzifihla kude ngaphaya kwamatye amakhulu ethafeni okanye ezindongeni athi qelele kwindawo enemizi aye kuzinceda khona. Umntu oshiya ilindle kufutshane nemizi ehlala abantu kwakusithiwa lizindela, uyazindela.

Ezinye izinto owawungazithandi umzi oNtsundu kukuchamela komntu endlwini etshembeni kuba besithi umntu ohlala nomchamo endlwini uba nesimnyama okanye uya kusolwa azibone sele ebhutyuka zizilonda ezingaziwayo.

Enye into ababeyithiyile kukufinyela ezitshefini nasemaphepheni besoyikela ukuba loo tshefu okanye elo phepha lingabiwa ligqwirha okanye utshaba liluse emaxhweleni lize lisetyenzwa ngamayeza okubekela nokukhuhlela.