Abantu bakwaMaduna baziwa nangokuba sisizwe samaGubevu. Aba bantu baphuma eLusuthu kwisizwe sabaSiya.
Ukunduluka kwabo kwelo bahambe belibutho elihamba lizingela iinyamakazi. Isizwe abaqale ukufika kuso ngamaHlubi ngexesha lokulawula kukaDlomo, bafikela kuRhadebe.
EmaHlubini abanye babo bandululwe ziimfazwe zikaTshaka baze bada baya kuwa emaXhoseni ngexesha lokulawula kukaHintsa, baze bamkelwa nguHintsa njengohlanga lamaMfengu. Kuthe ngethuba umfundisi uElefu ewelela eNgqushwa, abanye babo bawelela eNgqushwa noElefu lowo, baza kwakhona abanye babo babuyela eTranskei emva kweMfazwe kaNgcayechibi.
USoga T.B. kwincwadi yakhe ethi, ‘Intlalo kaXhosa’ uthi xa ethetha ngesi sizwe samaGubevu: “Okokuqala amaGubevu ngabeSuthu emvelini phaya. Loo Gubevu wayeligorha elikhulu emfazweni, suka wajoboda akuba enukiwe kowabo eLusuthu, bamana ukumlandela abanye bakuva benukiwe kanti yoseliba ngumzi lowo.”
Aba bantu babongwa kuthiwe: Gubevu, Ziyane, Nokhala, Tiba, Sijece, Mvelase, Mbutho, Nkabinde, Nothwabu, Saba, Nothotholo, Mbhulo kaBhincel’ehlangeni, Owadunusel’udaka lwaqhekeka, Wasin’enkundleni kwavel’ithokazi lenkomo, Lazal’ithole abantu bejongile, Aseng’amakhwenkwe, Kwatyiw’intusi, Ngumgazi welaze, Abantu baseLusuthu abashubelayo, Izalakwandelwa ziingqeqe nemihlangala, Udada lihamba litshay’amanzi, Ngeempiko ukuwel’uThukela, Undaba-ngaye bayashumayezana, Abanye bayikhulum’emini, Abanye bayikhulum’ebusuku!
Xa besigqoga siphanda sifumanise ukuba abakwaGubevu banazo iinkosi zabo ezi zezi: URanisi kuCentane; UMqambeli eGcuwa; USijula eTsomo; UMalgas eTsomo; UMtshabe eTsomo; UMbangeni eNgqamakhwe; UVuba eNgqamakhwe; UNgudle kuTsolo. Nezinye ke iifani zamaGubevu esingazibalulanga ezinobukhosi zizinkosi.
Umzi wakwaGubevu, ooMaduna xa kubalwa izithwalandwe siwukhumbula ngegorha nentatheli yamaphephandaba uMnu. Vuyani Mrwetyana owazalelwa eXhongorha kwesaa sithili saseMthatha. Amabanga akhe emfundo aphantsi wawafunda eMthatha waze akuwagqiba wasinga eMgwali kaNgubengcuka eClarkebury apho wafunda khona amabanga aseSekondari phambi kokuba antingele kwaSomgxada eLovedale kwiDike lemiNgcangathelo kaTyhali unyana kaNgqika.
Kwintetho awayenza ngomhla wokuqala kwinyanga kaCanzibe ngowe-1993 lo kaMrhwetyana ubomi bakhe wabuchaza ngolu hlobo: “Bendiqhitswa apha ngamakhwenkwe amadala ndisenga nengqakabela. Ndifunde kwesi sikolo. Ndadlulela eNdibela ndifundiswa nguTatomncinci, la ngwevu. Emva koko ndaya eClarkebury naseLovedale.
Uthando endilifumene kubazali bam ndiludlulisele ekuthandeni isizwe sakowethu esiNtsundu, de ndazimisela ekubeni, ndisaphila ndakulwela inkululeko yaso de siphume ebukhobokeni. Ngo-1964 ndiselula, ndaqala ukungena ejele ngenxa yokuba ndandililungu lemibutho evaliweyo nekhuthaza ukubhukuqwa kwemibuso yamaBhulu.”
Lo mfo kaMrwetyana waba yintatheli yephephandaba lamaRoma laseMthatha, Intsimbi ukususela ngowe-1970 ukuya kowe-1974. Eli phephandaba lalihlabanisela kakhulu ligxeka isimo sobuqhophololo nokunyoluka kweenkokheli zopolitiko zamaphandle, ngakumbi elase-Transkei kwinqaku lakhe elalisithi ‘Umagoloda walus’impuku’.
Ngowe-1975, lo kaMrwetyana wathi waseka iphephandaba lakhe lokuqala ekwakusithiwa, ‘Isaziso’. Emva kwalo waseka iphephandaba ekuthiwa ‘Isizwe’.
Lo mfo wabalixhoba lentshutshiso ngenxa yezimvo zakhe zokulwela inkululeko. AmaBhulu ade amvalela eMonti kwaNongqongqo (Fort Glamorgan). Kwakhona waba lixhoba lombuso kaZimele-geqe kaK.D.
Matanzima waseTranskei, apho wayequqa equqile ejele wade waba ugqiba ekuthini abaleke abhacele eLusuthu.
Naye wabuyela eMzantsi Afrika kwelokuzalwa emva kowe-1990 yakuba yonke imibutho ebiselubhacweni ikhululwe ngumongameli welo xesha uMnu F.W. De Klerk.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup