‘Imbali yabantsundu yacinywa ngeMonti’

Zisaqhuba iingxoxompikiswano malunga nokutshintshwa kwegama ledolophu yaseMonti UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

UKUTSHINTSHWA kwegama elithi Monti okanye East London, kukubuyisela isidima sabantu abamnyama “abagxothwa ngabamhlophe” kunxweme lolwandle lwedolophu yaseMonti.

Oku kuthethwe yingcali kwimiba yembali uMncedi Liwani, ephawula malunga nengxoxompikiswano emalunga nokutshintshwa kweMonti okanye iEast London ibizwe ngokuba kukuGompo.

Kutshanje, iSebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni lipapashe izaziso eziqulathe “iziphumo zoviwozimvo” malunga notshintsho lwamagama akuMasipala waseBuffalo City.

La magama abandakanya iEast London, King William’s Town, East London Airport neBerlin.

Ngokoluvo obelubanjwe liSebe nyakenye, iEast London kugqitywe kwelokuba mayibizwe ukuba kuKuGompo, iKing William’s Town ibizwe eQonce, iEast London Airport ibizwe King Phalo Airport ze iBerlin ibizwe ukuba kuseNtabozuko.

Kodwa izimvo zabantu, bephefumla kwikhasi likaFacebook woMasipala iBuffalo City, zithe gqolo ukubethana ngala magama, unomji ukwigama elithi KuGompo nelithi King Phalo Airport.

ULouis Oosthuizen uthe: “Ndingumhlali waseEast London. Ndiyakuphikisa ukutshintshwa kwala magama. Ukutshintshwa kwamagama kuza kudala iyantlukwano kwaye kuphikise uxolelwano.”

UThotyelwa Ndyokolo uthe: “YiQonce kakade nje iKing, iEast London kuseMonti. Khanisiyeke ngoGompo.”

UNondumiso Misoso Xaso uthe: “Enkosi ngokutshintsha iEast London kuba ibibhidisa njengeLondon yokwenyani, apho umntu bekufuneka acacise athi East London, eMzantsi Afrika.”

UVuyiseka Mandoko Bokwana: “Asikhathali malunga negama, kuthi iza kuhlala iyiMonti. Yizani neenkonzo, ninqabe ubuqhophololo kwanokusithengisela imisebenzi. KwaGompo ntoni?”

UManejala wezoNxibelelwano kwiSebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni, Andile Nduna, uthe: “IMonti ayinantsingiselo esiXhoseni ligama elisuka kwiAfrikaans uMond (River Mouth). Kanti kuGompo ligama esisithili elalibizwa ngalo lisuka kwilitye elinomqolomba likaGompo (Cove Rock) apho amaza olwandle athi xa engena okanye ebetha ela litye enze isandi.”

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uLiwani uthe: “Akukho bantu abaza apha bephethe idolophu ekuthiwa yiMonti okanye ekuthiwa yiEast London. Eli gama lithi East London ligama elifike emva kwala mfazwe yamaNgesi namaBhulu.”

“Emva kwala mfazwe abamhlophe baye babelana ngale ndawo, ababeyithiye igama lokuba yiPort Rex. Bayenza lo nto bengazange basebenzisane nabantu abamnyama abafike bekhona kulo mhlaba. Into abantu abamhlophe abayenzayo kukududula wonke umntu omnyama onomhlaba ongaselunxwemeni, bawuthatha wonke umhlaba oselunxwemeni,” kutsho uLiwani.

ULiwani uthi ukubuyiselwa kwesixeko kwigama elithi kuGompo kufana nokubuyiselwa kwesidima sabantsundu.

“Igama elithi kuGompo liqhogene nabantu bemveli, abantu bengcalo yalapha kulo mmandla kuba kukho iliwa elinomqolomba owawukhamisele elwandle ekuthiwa yiCove Rock. Into eyayisenzeka kwakuthi xa kukho amaza alatyuzela phezulu, athi akubetha eludongeni lweli liwa kuvakale isandi esinabayo apha elunxwemeni esithi gompoo, gompoo. Abantu ke ngoku baqala ukubiza lo mmandla njengommandla waKuGompo,” kutsho uLiwani.

“Nabantu abaziingqondi phambi kwethu abaquka iimbongi ootat’ uSEK Mqhayi babesithi xa bezazisa bathi baziimbongi zakuGompo, into echaza ukuba eli gama lizinzile kwimbilini yabantu beli lizwe. Ngoko ke masingahlupheki, kuba le mbali sithi iyacinywa, icime enye imbali kwayona.

“Abantu abanqulayo, babenqula kwela litye laKuGompo. Nokuba ungaya kula ndawo uyakufika amaza ala ndawo enomahluko kwamanye into ethetha ukuba abantu abamnyama banonxibelelwano ngokomoya nala ndawo.”