Imbali yabaNtsundu yokuqhuba izixhobo zabeLungu

Eyona nto iphambili apha ekhaya xa ndisiya kufuna uncedo ngobu buchwephesha betheknoloji yomLungu kwaba bantwana bam nakubazukulwana basoloko bendinxwala ngokungazi nto. Se akwaba bebesazi amaqhina esiwahambileyo, iintaba esizinyukileyo nemilambo esiyiwelileyo ebudaleni apha.

Xa siyilanda ezantsi imbali yabantu abaNtsundu yokuqhuba kwabo iinqwelo zakwamLungu ezazibenza ibhongo zibadalela nesidima, singathanda ukuthi: UMdaka oMnyama waseAfrika uqale ukuqhuba imotwana ehamba ngamavili amabini awayeyiqhuba eyibambe ngezandla ezibini, yena engakhwelanga. Le nqwelo kwakusithiwa yigigi isetyenziswa emisebenzini ingakumbi ezivenkileni, apho kwakulayishwa kuyo iingxowa zombona, ezetyuwa, ezembotyi nezeswekile nezoboya beegusha nezinye izinto. Umqhubi wegigi wayebanebhongo elikhulu kuba esenza umsebenzi weengcungcu.

Enye inqwelo abantu abaNtsundu ababonakalisa ubugcisa bokuyiqhuba yinqwelo ebizwa ngokuba yikiliva ehamba ngevili elinye. Le kiliva isetyenziswa kakhulu xa kusakhiwa, kulayishwa kuyo izitena, isanti, kwakunye nomhlaba owombiweyo. Umntu olichule lokuqhuba ikiliva wayengumntu omkhulu kakhulu, phambili phaya. Umsebenzi wakhe wokuqhuba ikiliva wawukhukhumalisa.

Ezinye iinqwelo ababeziqhuba emisebenzini, zezokulayisha amatye emigodini ezifana neengolovana, oomakalanyana noomahovana.

Abantu abaqhuba iigigi, iikiliva, iingolovana, oomakalanyana noomahovana emisebenzini kwakusithiwa baganyile abasebenzi nzima, benza umsebenzi wezitatanyiswa izifundiswa (oosityuzi-mi), benza umsebenzi ohlawula imali eninzi umntu engasebenzanga nzima elayisha ngefotsholo, esomba nangepeki.

Kuthe ngokuya impucuko ihambela phambili kumzi oNtsundu kwavela abantu abangamachule okukhwela nokuqhuba iibhayisekile. Ibhayisekile yayiluhlobo lwenqwelo engumnqa apho umntu wayeqhuba olu hlobo lwenqwelo lungaqhelekanga luhamba ngamavili amabini. Umntu wayeqhuba ngobuchule obukhulu enyova ngeenyawo, eyibambe ezimpondweni. Umntu oqhuba ibhayisekile wayeba namabhongo kakhulu. Abantu nabantwana babede baphume phandle bambukele xa enyova le nqwelo yakhe ingaqhelekanga ihamba ngamavili amabini.

Iintombi zamaXhosa zazisithi xa zibukele lo mhlola wamanene akhwela ibhayisekile zihlabele ingoma ethi: “Ngamanina * ’akhwel’ibhayisekile, Zintsente suka ngasemnyango. Zintsente sundisitha ngakuloo mnyango, Ngale ngalo ndiza kugon’oonebhayisekile!”

Bathe abaNtsundu besothuswe ngala machule aqhuba iibhayisekile, kwathi gqi ngoku enye into entsha yokuqhutywa kweemoto ngabaNtsundu. Avelile amadoda aNtsundu eqhuba iimoto, ade amanye azithenga yaba zezawo.

Obu buchuphathi nobuchwepheshe bokuqhuba imoto bawothusa umzi oNtsundu oqhele ukukhwela amaqegu. Kangangokuba umbhali wodumo lwasemaXhoseni uMnu. J.J.R. Jolobe kumbongo wakhe othi, ‘Iqegu’ usibonisa umothuko womkhweli owayengazinto ngemoto ecinga ukuba umqhubi ubambelele kwivili lokuqhuba ukuze angawi, ecinga ukuba kukho abantu abakhwazayo xa esiva kukhala (iwayilese) unomathotholo: “Kambe ke wayaleza imxelele amise, akufika kwindawo efun’ukuhla kuyo. Watsho yangumtyambele ibhijel’ithambeka. Wab’unomathotholo echitha isizungu. Weva ngexhegokazi lisithi, “Khawumise, Nank’umntu ememeza!” Wabumisa umqhubi, Yathi nqa intokazi yakuphawula kwabunje, yimoto ethethayo. Ubugqi babeLungu!! Kwathi exandekeni kwee qhiphu umbilini, yacinga oqhubayo makab’ubambelele kokuthile kwivili, yalinga kwelo cebo. Yaba ngamacebetshu ukususw’evilini.”

Abafana abadumbe iintloko ziintombi babede bakhwelete bangazi nokuba mabenze njani, kuba iintombi zazibathanda abafana abaqhuba ezi moto zintle zakwamLungu.

UMandela, N.R. kwincwadi ethi, ‘Indlela Ende Eya Enkululekweni,’ uyibalisa ngolu hlobo into yokugqwaliswa ngumfana oqhuba imoto entombini, “Ukungena kwam okokuqala kulo ndlu ndandiye ndinqaphaze ukumbona yaye ndimthi tshe nje. Kodwa emva koko ndakuba ndazene kakuhle naye ndiye ndamthanda naye. Kodwa uDidi akazange andithathele nengqalelo ncam, into ekuphela kwayo awayiqaphelayo kukuba ndinesuti enye kuphela elatshwe yalatshwa, nehempe enye nokuthi imbonakalo yam ayahlukanga kakhulu kweyephala-ndlela eligqutyelelwe ziintuli ezindleleni.

Qho ngeempelaveki uDidi wayebuyela eAlexandra. Wayeziswa ekhaya ngumfana endathatha ukuba sisithandwa sakhe, inkewu esisigcodolo esifumileyo enemoto, nto leyo eyayingaqhelekanga kunene.

Lo mfana wayenxiba iisuti ezingumphindwa-sifuba zohlobo lwaseMelika zexabiso eliphezulu neminqwazi ekhephelele, yaye umfo lo wayeziduba kanobom ngendlela akhangeleka ngayo. Makube wayekhe wangomnye wamaqela emigewu ethile kodwa leyo andingeqiniseki ngayo.

Wayeye eme ngaphandle eyadini afake izandla zakhe kwindulubhatyi yakhe akhangeleke eyingcungcu emlomo mde. wayendibulisa ngembeko kodwa ndandibona ukuba akandithathi njengomntu onokukhuphisana kuyaphi naye.

Ndandilangazelela ukumxelela uDidi ukuba ndiyamthanda kodwa ndisoyika ukuthi hleze loo malinge am okumphimisa angamkeleki.”

AbeLungu bayazenza izinto! Baphinda bavela ngoku nenye inqwelo ebhabha emoyeni ekuthiwa yinqwelontaka, abathi bona abantwana yibhaloni, abathi bakuyibona ibhabha esibhakabhakeni imana ukutshona ngaphaya kwamafu, bakhwaze bethi: Bhaloni usiphathel’iiswiti!

Olu ke uhlobo lwenqwelo aluqhutywa nangubani lufuna oomagxa akaxhali amadoda amakhulu anobuchuphathi nobuchwepheshe; izikhwakhwa eziqeqeshwe zagqitywa ngokugqibeleleyo. Le nto athi amaXhosa ngootshotshentla, xa ebhekiselela kumakhwenkwe amadala.

Olu hlobo lwenqwelo labanga ukuba neMbongi yeSizwe Jikelele into kaMqhayi idanduluke ithetha nangalo xa yayibalula ubunganga beBhilitane: “Besingoobani na thina bomthina, Ukuba singanced’ukumkani weBritani, Ingangalal’engatshonelwa langa, Int’elawul’umhlaba nolwandle – Kungoku nje nesibhakabhaka isingxamele?