Imbali yoMzantsi Afrika isengxakini enkulu

Umntu oliciko lokuthetha wakhe wathi, “Siza kukhula sixhuma, kunjalo nje siza kuyibeka apha ityiwe ngamantshontsho!” Le nto ndiyithethiswa kukuba namhlanje kwilizwe loMzantsi Afrika Omtsha kubonakala ngathi yonke into eyenziwa neyakhe yenziwa ngumLungu kumntu oNtsundu inuka ukutsha nomzondo.

Ndisuswa linqaku lomhla wesi3-9 Canzibe 2018 elithi, “Umakoti womLungu utyiswe utsiki.” apho abantu abachazwe ngokuba “iingcaphephe zemiba yesiNtu ziyakukhaba ukutshata ngesiNtu kwesi sibini”. Isizathu sazo zithi kungcatshwa, kwaye kufana nokuthengiswa kwamasiko esiNtu.

Izolo oku kweli lizwe bekukhalwa ngeBuyambo yobuAfrika, kusithiwa imbali yeli lizwe mayibhalwe ngokutsha ukuze zonke iintlanga zihlalisane ngoxolo.

Ndingengcali ndinje ndingalitsho elokuba ukutshata kukaCandice noByron Stanton kubonisa intlaliswano entle phakathi kwabo nabaNtsundu. Kunjalo nje aba asingobeLungu bokuqala ukutshata isiNtu. Kwafuthi abeLungu abaninzi khange bazibandakanye kwimiba yocalucalulo lobuhlanga. Basebenza ngokuzimisela befundisa abaNtsundu khona ukuze nabo bakwazi ukuzigasa bazingombe izifuba phakathi kweenkcubeko zehlabathi.

UNonqaba: Eli gama lithi Nonqaba ligama elanikwa ngamaQwathi uVivien Holcroft xa wathi watshata eKhwikhwini eMonti nomyeni ogama linguClement Carl Deutschmann ngomhla wama23 Julayi 1925. UClement Carl Deutschmann wayengusomashishini phakathi kwesizwe samaQwathi eTsazo. Zithe zakuvakala iindaba zokuba utshatile, amaQwathi amcela ukuba anyathele inkundla emaQwathini kwasibonda uGeorge Gcanga ngokwesithethe sesiNtu, khon’ukuze umolokazana uVivien Holcroft amaQwathi azo kumthiya igama lomzi.

Akuba evumile, amaQwathi abaxhelela inkabi yenkomo, asila notywala besiNtu, baze batshatiswa ngokwesiko lesiXhosa, inkosikazi yathiywa igama elinguNonqaba. AmaQwathi abambesa ngengxowa yebhokhwe ekwakukho kuyo imali eziponti ezintathu ezineesheleni ezintlanu (R6,50).

UCeliwe (uNowethu): UGqr. Pauline Conwell Ingle owayeyintombi yakwaMarshall owafika wasebenza eAll Saint Hospital eNgcobo, inguye yedwa ugqirha weso sibhedlele sasemaQwathini, amaQwathi amthiya igama elithi Celiwe, kuba kwakukudala becela ukufunelwa ugqirha kweso sibhedlele.

Kuthe ngowe1960 wabonwa lisoka elinguGqr. Ronald Ingle. Uthe akuba etshatile amaQwathi amfanisa nabanye abafazi bamaQwathi ngokwesiko lawo, ampha igama lasekwendeni lesiXhosa elinguNowethu, aphinda amambesa ngokumpha izipho zesiNtu, iingobozi, izithebe, iintluzo, amazamiso namakhuko.

UTshezi: Eli gama ligama awayebizwa ngalo uMnu. George Caley, ititshala eMhlophe eyakhonza ixesha elide eNxukhwebe, indoda eyayinesiphiwo sokufundisa, ngangokuba abafundi baseNxukhwebe babephuma phambili jikelele kuyo yonke iKoloni.

Wathi uTshezi akuphumla ekufundiseni, waya kuba ngummi eBhofolo, uthe elapho wanikwa iwonga lokuba sisibonda saloo dolophu yaseBhofolo.

Phakathi kwabafundi bakhe singabalula uMnu. Robert Mangaliso Sobukwe owaba ngumseki weqela iPan Africanist Congress (PAC) owawunjongo ikukubuyisela amalungelo enkululeko yomntu oNtsundu eMzantsi Afrika awayenyathelwa ngeenyawo ngabeLungu abangamaBhulu beqela lamaNashinale.

UZweliyanyikima: UDonald Woods, umLungu owathi wanobudlelwane nenkokheli eyayidume ngokuzingca ngebala wayebizwa ngegama lesiXhosa elinguZweliyanyikima. Umzimba kaSteve Biko owayebhubhile ethe geqe phantsi, eze bhushu phantsi emgangathweni, wafotwa nguDonald Woods kumzi wabangcwabi wamapolisa. Ngalo mhla uDonald Woods wayehamba kunye nenkosikazi kaSteve Biko uNtsiki. Lo mzimba wawugcwele izivubeko zokubethwa.

UDonald Woods ezo foto wazipapasha encwadini yakhe, zaze zaba bubungqina obubonakalayo obubonisa nobuzobela ihlabathi yonke imo ebolileyo yocalucalulo loMzantsi Afrika phantsi koRhulumente owawukhokhelwa ngamaNashinale.

Akuba enze le nto uDonald Woods wavalwa umlomo ixesha leminyaka emihlanu, wahluthwa nomsebenzi wakhe wokuba ngumhleli wephephandaba laseMonti iDaily Dispatch. Umnxeba wakhe wemfonomfono wathi wacutshwa ngamapolisa ezokhuselo.

UNoqakatha: Eli ligama lesiXhosa elaphiwa uGqr. Jane Waterson owaba yinkosikazi eyasuka phesheya eSkotilane ehamba noSomgxada, wafika apha eMzantsi Afrika ngomhla wesi2 Januwari 1867, efikela eLovedale, eDikeni ukuza kuseka isikolo seentombi eziNtsundu esasibizwa ngokuba yiLovedale Girls School, esavulwa ngomhla wama23 kuJulayi ngowe1863, siqalwa ziintombi ezilishumi. Phakathi kwamagqiyazana awafunda kwesi sikolo kwiminyaka yaso yokuqala singabalula aba balandelayo: Tause Soga, Eliza Hina, Sinna Makiwane, Margaret Mzimba, Antyi Majiza, Lettie Ncheni, Elizabeth Pepe Gongwana, Elizabeth Zuma, Cecilia Makiwane, Mina Colani.

UManzemvula: Esi sisikhahlelo sikaGqirha Alexander Kerr owaba yinqununu yokuqala yeYunivesithi yaseFort Hare. Ngethuba lokungena komthetho weBantu Education noweBantu Authority walwa kwamdaka iisali esilwela ukuba ingafuduswa isiwe eMthatha.

Isikolo saseFort Hare, ekuhambeni kwethuba sibonakalise ukuba singumthombo wolwazi kwaye sisizalo sempucuko yabantu abaNtsundu.” UNofikile: UDorothy Sparg owayetshate noTrevor Sparg, abathi bavula ivenkile eChafutweni phakathi kwamaXhosa kaMtoto eGcuwa, wayenegama awaliphiwa ngamaXhosa lokuba nguNofikile. Eli gama lasukela ekuthini xa abafazi bamaXhosa babesithi xa bebelekisa kuze kubekho ingxaki ebaxakayo njengoko ngelo xesha zazingekaqheleki izibhedlele neekliniki, babehamba baye kubiza yena aze kubanceda. Ubesithi akufika kuthi xibilili zihle izibilini kuba ezo ngxaki wayefika azithi qhwii, izinto zilunge. Aze athi amaXhosa nguNofikile.