Imbasa kwindod’ ephulula iinwele zamabhinqa

UYakheka Lisa (30) othe wazenzela igama kutshanje ngokuthi enze umsebenzi onomahluko noqhele ukwenziwa ngabantu ababhinqileyo wokubheyisa iinwele zabantu edolophini eNgcobo, uzicelela iivoti kuni bathandi bakhe njengoko echongwe njengeBest Hustler/Influencer kwiimbasa eziqhutywa yiMzantsi Art And Media Awards (MAMA).

ULisa ngethuba encokola neli phephandaba kwinyanga ephelileyo kwakuziiveki ezimbini kuphela ebeke isitulo sakhe kumbindi wedolophu yaseNgcobo, esibhalwe ukuba ‘sibheyisa iinwele nge R15’. Uthi washukunyiswa kukungade afumane msebenzi wabona ukuba makavuke azenzele kuba kuninzi okujongene naye ebomini kuquka emva ekhaya kujongwe kuye.

Uthi ukuchongwa kwakhe kwezi MAMA kuthetha lukhulu kuye kuba akazange azicingele ukuba naye ngenye imini angazibona ecela iivoti eluntwini.

“Andifuni kuxoka, emva kokuba ndiphume kweli phephandaba ndathrenda nakufacebook, inkxaso kuluntu ndaye ndayifumana ngamandla kwaye namathuba avela ingakumbi kwicala loshishino. Abantu bandithemba bendinika neemveliso zabo ekubeni ndithengise kule tafile yam. Abanye beza bezokuphulula iinwele zabo kuba besithi bandibone ephepheni, buye batshintsha njengesaquphe ubomi bam ngendlela endingakhange ndiyilindele,’’ utshilo uLisa.

Uthi nangona kuye kwabakho inguqu emangalisayo kwitafile yakhe, kodwa nawo umsebenzi ebewufundele kwanoncedo olumandla kurhulumente akaluchasanga, usaludinga.

ULisa uzalelwa kwilali yakuBeyele Ongentla kwaseNgcobo.

Xa uvota uza kuthumela umyalezo ngefowuni ubhale MAMA 2398 uthumele ku40439, umyalezo yiR2 kwaye uvota kangangoko ufuna. Iivoti ziyavala ngomhla wama31 August 2023.

IMAMA awards ziza kube ziqhuba okwesine kulo nyaka njengoko ziqale ngonyaka kabhubhane u2020. Injongo zeMAMA kukuphuhlisa bonke ooshomashishini abasakhasayo nabafuna ukuzenzela igama kwezoshishino, kwezomculo, abadlali, abakwezosasazo kwanabo banetalente yomsebenzi wezandla eMzantsi Afrika.

Umsitho uza kubanjelwa eCarousel eHammnskraal ngoSeptemba 2023.