Imbeko yokugqibela kwigqala lentatheli

UMzobanzi Jikazana noManelisi Wolela bedlan' iindlebe noMadiba ngethuba etyelela okokuqala eMpuma Koloni emva kokukhululwa entolongweni

IINTATHELI kwakunye nabezonxibelelwano banike imbeko yabo yokugqibela kwigqala lezosasazo, uMzobanzi Jikazana, kulandela ukusutywa kwakhe kukufa emva kwengulo emfutshane eminyaka ingama63 ubudala. 

Iindaba zokubhubha kukaJikazana zibothusile abanye boogxa bakhe nabamchaze njengobedlamkile kwaye ebuthanda ubuntatheli. 
UJikazana, owaqeqeshelwa ukubangutitshala, wangena kwezosasazo eCKI FM embindini kwiminyaka yoo1980 nalapho wasebenza njengoMdidiyeli oyiNtloko kwanomsasazi weenkqubongxoxo. 
Kwiinyangana ezimbalwa emva kokuba uMzantsi Afrika exhamle inkululeko ngo1994, wazibandakanya neSABC eSea Point, eKapa, njengoMdidiyeli weendaba, waze kamva wonyuselwa ukuba abe nguMdidiyeli oyiNtloko kwicandelo likanomathotholo nomabonakude. 

UMhleli weSABC eNtshona Koloni, uKenneth Makatees uthe: “Ngenxa yotshintsho kwezopolitiko (olwaluqhubeka elizweni) nayo iSABC kwafuneka itshintshe. Yayingabantu abafana noJiks, njengoko besaziwa ngabo bamthandayo, ababanegalelo kwiSABC ukuba ibengumsasazeli woluntu osasazela abemi boMzantsi Afrika bonke. 
“Ebephambili ekuvingceni iyantlukwano ukuze ahlanganise abantu kwigumbi leendaba elalineentanda zeyantlukwano ngokwebala. UJikazana ube ngumntu wezonxibelelwano ubomi bakhe bonke, nokuba ukwigumbi leendaba eSABC okanye kwiindima ebezidlala kuqhakamshelwano laseburhulumenteni. 
UMakatees ukwatyibele uJikazana njengomsasazi obenesiphiwo “selizwi elikhulu/elindyondyayo, intsini ehlekisayo” esenza abantu bonwabe. 
UJikazana usebenze nalowo wayengumsasazi, osele ngoku esebenza njengeNtloko yezoNxibelelwano ePalamente, uManelisi Wolela. 
UWolela ukhumbula ithuba elinika umdla kwisakhono sabo ngethuba yena noJikazana bedlan’ iindlebe noMadiba (Nelson Mandela) ngethuba lotyelelo lwakhe lokuqala eMpuma Koloni emva kokukhululwa entolongweni ngo1990. 
 “Istudiyo sethu sikanomathotholo sasigcwele oonondaba beli nabamanye amazwe ngaloo mini. Inkqubo yethu yaba yindumasi kubaphulaphuli ukusukela ngoko,” kubalisa uWolela. 
Isakhono sikaJikazana sokunxibelelanisa ubomi boluntu nezinto abajamelene nazo simkhokelele ukuba asebenzele urhulumente, eBuffalo City Municipality ngo2005 ukuya ku2009, waze kamva waya kwaGCIS. 
Wabasiso nesithethi soMphathiswa wezeMisebenzi, uMembathisi Mdladlana noMildred Oliphant. 
Esutywa kukufa nje uJikazana ebesebenza njengoMlawuli wezoNxibelelwano kuMasipala waseNelson Mandela. 
Ushiya ngasemva inkosikazi yakhe, iintombi zakhe ezimbini nomama wakhe. 
Uza kubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela ePeelton, eMpuma Koloni ngeCawa umhla wesihlanu kweyeKhala.